1
1 KWABASEKORINTE 13:4-5
IBHAYIBHILE
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali. Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo.
Thelekisa
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 13:4-5
2
1 KWABASEKORINTE 13:7
Uthando aluncami; lukholwa zizinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 13:7
3
1 KWABASEKORINTE 13:6
Uthando aluvuyiswa bububi, luvuyiswa yinyaniso.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 13:6
4
1 KWABASEKORINTE 13:13
Ngalinye ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli: lukholo, nethemba, nothando. Engaphezu kwazo zonke ke luthando.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 13:13
5
1 KWABASEKORINTE 13:8
Uthando alupheli. Zikho zona iintshumayelo ezinefuthe, kodwa ziyatshitsha. Zikho neziphiwo zokuthetha iilwimi, kodwa nazo ziyabhanga. Kukwakho nokwazi, kodwa kuyadlula nako.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 13:8
6
1 KWABASEKORINTE 13:1
Ewe kambe, ndingade ndibe liciko lokuthetha iilwimi zabantu, ndide ndithethe nezezithunywa zezulu – kodwa ndingenalo uthando, intetho yam isuka ibe yingxolo nje, efana neyentsimbi ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 13:1
7
1 KWABASEKORINTE 13:2
Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokushumayela ngefuthe, ndinalo lonke ulwazi, ndizazi nezinto ezingàziwa mntu, ndinalo nokholo olugungqisa iintaba, kodwa ndingenalo uthando, andinto konke!
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 13:2
8
1 KWABASEKORINTE 13:3
Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 13:3
9
1 KWABASEKORINTE 13:11
Xeshikweni bendingumntwana, bendithetha njengomntwana, ndicinga njengomntwana, ndinezimvo zobuntwana; njengoko ke ndimdala, ndahlukene ngoku neendlela zobuntwana.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 13:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo