1
1 KWABASEKORINTE 12:7
IBHAYIBHILE
Kuthi sonke ngabanye uMoya uzibonakalisa ngendlela ethile, enenjongo yokuba sakhane.
Thelekisa
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 12:7
2
1 KWABASEKORINTE 12:27
Ningumzimba kaKrestu ke xa ninonke nina; elowo kuni lilungu laloo mzimba.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 12:27
3
1 KWABASEKORINTE 12:26
Xa sukuba elinye lisifa, onke amanye amalungu avelana nalo; kuthi lakunikwa imbeko, onke amanye avuyisane nalo.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 12:26
4
1 KWABASEKORINTE 12:8-10
Umntu othile uMoya umnika ubulumko, aze omnye amnike ukwazi. Kwalo Moya mnye omnye umnika inzondelelo, aze omnye amnike amandla okuphilisa. Omnye umntu uMoya umnika amandla okwenza imiqondiso, aze omnye amnike amandla okushumayela, wumbi amnike ubuchule bokucalula oomoya. Omnye umnika isiphiwo sokuthetha iilwimi, aze omnye amnike isiphiwo sokutolika.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 12:8-10
5
1 KWABASEKORINTE 12:11
Kodwa ngulo Moya mnye owenza yonke le nto; umntu ngamnye umnika isipho esahlukileyo ngokubona kwakhe.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 12:11
6
1 KWABASEKORINTE 12:25
Ngoko ke akukho kubukulana emzimbeni – asuka amalungu onke ilelo linyamekele elinye.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 12:25
7
1 KWABASEKORINTE 12:4-6
Kukho iintlobo ngeentlobo zeziphiwo, kodwa zivela kuMoya omnye. Kukho iintlobo ngeentlobo zemisebenzi, kodwa kusetyenzelwa iNkosi enye. Kukho iintlobo-ntlobo zeziphiwo zamandla okusebenza, kodwa xa zizonke zivela kuThixo, ikwanguye nozabela ulowo nalowo.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 12:4-6
8
1 KWABASEKORINTE 12:28
UThixo ebandleni lakhe unocwangco: Kuqala *ngabathunywa, kulandele *abashumayeli, kuze abefundisi; emva kwabo ibe ngabenza imiqondiso, ibe ngabanegunya lokuphilisa, abancedisi, abakhokeli, nabathetha iilwimi.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 12:28
9
1 KWABASEKORINTE 12:14
Kaloku umzimba lo awulolungu linye, ungamalungu amaninzi.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 12:14
10
1 KWABASEKORINTE 12:22
Kusuka kuthi awona malungu angathi abuthathaka, ibe ngawona kanye singenakwenza nto engekho
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 12:22
11
1 KWABASEKORINTE 12:17-19
Ukuba ke wonke umzimba ubuliliso ngesisiva njani? Khona ukuba ubuyindlebe wonke, ngesijoja njani? Kodwa ke uThixo udale amalungu ahlukeneyo emzimbeni ngokuthanda kwakhe. Ukuba amalungu onke ebelilungu elinye qha, ibingàyi kuba ngumzimba loo nto.
Phonononga 1 KWABASEKORINTE 12:17-19
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo