1
IINDUMISO 91:2
IZIBHALO EZINGCWELE
Úthi keYehova, Hlathi lam, Mboniselo yam, Thixo wam, endikholose ngaye!
Thelekisa
Phonononga IINDUMISO 91:2
2
IINDUMISO 91:1
Ohleli esitheni lOsenyangweni, Azilalise emthunzini kaSomandla
Phonononga IINDUMISO 91:1
3
IINDUMISO 91:15
Wóndibiza, ndiphendule, Ndoba naye embandezelweni; Ndomhlangula, ndimzukise
Phonononga IINDUMISO 91:15
4
IINDUMISO 91:11
Ngokuba izithunywa zakhe úziwisele umthetho ngawe, Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke.
Phonononga IINDUMISO 91:11
5
IINDUMISO 91:4
Wókugubungela ngeentsiba zakhe, Ùzimele phantsi kwamaphiko akhe. Likhaka, yingweletshetshe inyaniso yakhe.
Phonononga IINDUMISO 91:4
6
IINDUMISO 91:9-10
Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam. Ùmenze Osenyangweni ikhaya lakho. Akuyi kuqubisana bubi nawe. Kungafiki sibetho ententeni yakho.
Phonononga IINDUMISO 91:9-10
7
IINDUMISO 91:3
Ngokuba ngokwakhe uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli, Endyikityeni yokufa eyeyelisayo.
Phonononga IINDUMISO 91:3
8
IINDUMISO 91:7
Kungawa iwaka ecaleni kwakho, Isigidi ngasekunene kwakho, Kodwa kungasondeli nto kuwe.
Phonononga IINDUMISO 91:7
9
IINDUMISO 91:5-6
Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini; Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni, Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu.
Phonononga IINDUMISO 91:5-6
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo