1
IMIZEKELISO 4:23
IZIBHALO EZINGCWELE
Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho; Kuba aphuma kuyo amathende obomi.
Thelekisa
Phonononga IMIZEKELISO 4:23
2
IMIZEKELISO 4:26
Lungelelanisa umkhondo wonyawo lwakho, Zonke iindlela zakho zizimaseke.
Phonononga IMIZEKELISO 4:26
3
IMIZEKELISO 4:24
Kususe kuwe ukujibiliza komlomo, Nokuthi gu bucala komlomo kudedise kuwe.
Phonononga IMIZEKELISO 4:24
4
IMIZEKELISO 4:7
Ingqalo yobulumko ithi, Rhweba ubulumko, Ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo.
Phonononga IMIZEKELISO 4:7
5
IMIZEKELISO 4:18-19
Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, Okuya kúbà mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu. Indlela yabangendawo injengesithokothoko; Àbayazi into abakhubeka kuyo.
Phonononga IMIZEKELISO 4:18-19
6
IMIZEKELISO 4:6
Musa ukubushiya, bókugcina; Buthande, bókulondoloza.
Phonononga IMIZEKELISO 4:6
7
IMIZEKELISO 4:13
Bambelela eluqeqeshweni, musa ukuluyeka; Lulondoloze, ngokuba lububomi bakho.
Phonononga IMIZEKELISO 4:13
8
IMIZEKELISO 4:14
Musa ukungena emendweni wabangendawo, Unganyatheli endleleni yabanobubi.
Phonononga IMIZEKELISO 4:14
9
IMIZEKELISO 4:1
Luveni, bonyana, uqeqesho lukayihlo, Nizibaze iindlebe ukuze nikwazi ukuqonda.
Phonononga IMIZEKELISO 4:1
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo