1
UMATEYU 7:7
IZIBHALO EZINGCWELE
Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa
Thelekisa
Phonononga UMATEYU 7:7
2
UMATEYU 7:8
kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.
Phonononga UMATEYU 7:8
3
UMATEYU 7:24
Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo.
Phonononga UMATEYU 7:24
4
UMATEYU 7:12
Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti.
Phonononga UMATEYU 7:12
5
UMATEYU 7:14
Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.
Phonononga UMATEYU 7:14
6
UMATEYU 7:13
Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo.
Phonononga UMATEYU 7:13
7
UMATEYU 7:11
Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo?
Phonononga UMATEYU 7:11
8
UMATEYU 7:1-2
Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa. Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
Phonononga UMATEYU 7:1-2
9
UMATEYU 7:26
Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo.
Phonononga UMATEYU 7:26
10
UMATEYU 7:3-4
Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso? Okanye ungáthini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nângo umqadi kwelakho iliso?
Phonononga UMATEYU 7:3-4
11
UMATEYU 7:15-16
Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo. Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na?
Phonononga UMATEYU 7:15-16
12
UMATEYU 7:17
Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi.
Phonononga UMATEYU 7:17
13
UMATEYU 7:18
Umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle.
Phonononga UMATEYU 7:18
14
UMATEYU 7:19
Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
Phonononga UMATEYU 7:19
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo