1
UYEREMIYA 17:7-8
IZIBHALO EZINGCWELE
Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova; kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.
Thelekisa
Phonononga UYEREMIYA 17:7-8
2
UYEREMIYA 17:9
Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi?
Phonononga UYEREMIYA 17:9
3
UYEREMIYA 17:10
Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndiyazicikida izintso, ukuze ndinike ulowo nalowo ngokwendlela yakhe, ngokwesiqhamo seentlondi zakhe.
Phonononga UYEREMIYA 17:10
4
UYEREMIYA 17:5-6
Utsho uYehova ukuthi, Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova; ibe njengochushuluzayo enkqantosini, ingaboni kufika nto ilungileyo; ime engqaqasini, entlango, ezweni letyuwa elingenammi.
Phonononga UYEREMIYA 17:5-6
5
UYEREMIYA 17:14
Ndíphilise, Yehova, ndiphile; ndísindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe.
Phonononga UYEREMIYA 17:14
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo