UYEREMIYA 17:7-8
UYEREMIYA 17:7-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo, lowo ukholosa ngaye! Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni, ongcambu zinabela emanzini. Awoyiki naxa ilanga lishushu; amagqabi awo ahlala eluhlaza. Ngexesha lembalela awunaxhala; uhlala uvelisa iziqhamo.
UYEREMIYA 17:7-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova; kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.
UYEREMIYA 17:7-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Hayi, uyolo lomntu okholose ngoYehova, Okholose ngoYehova! Kuba uya kuba njengomthi otyalwe ngasemanzini nonabisa iingcambu zawo ngasemlanjeni, yaye akayi kubona xa kufika ubushushu, kodwa amagqabi awo aya kuba luhlaza; kwaye ayiyi kuphela ngonyaka wembalela, ingayeki ukuthwala isiqhamo.
UYEREMIYA 17:7-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Inetamsanqa indoda etembela KUYEHOVA, netemba layo li NGUYEHOVA! Ngokuba iya kuba njengomti utyelwe ngasemanzini, onabisayo ingcambo zawo ngasemlanjeni, ongaboni nxa buzayo ubushushu, koko igqabi lawo liba luhlaza; ongenaxala emnyakeni wokwoma, ongapezi ukuvelisa isiqa̔mo.