1
KUMAHEBHERE 10:25
IZIBHALO EZINGCWELE
singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
Thelekisa
Phonononga KUMAHEBHERE 10:25
2
KUMAHEBHERE 10:24
Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle
Phonononga KUMAHEBHERE 10:24
3
KUMAHEBHERE 10:23
silubambe uvumo lwethu lwethemba, lungabi nakuxengaxenga; kuba uthembekile lowo wabeka ngedinga.
Phonononga KUMAHEBHERE 10:23
4
KUMAHEBHERE 10:36
Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga.
Phonononga KUMAHEBHERE 10:36
5
KUMAHEBHERE 10:22
masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sínenzaliseko yokholo, sífefiwe iintliziyo zethu, sísusiwe isazela esingendawo. Masithi, sihlanjiwe nje umzimba ngamanzi amhlophe
Phonononga KUMAHEBHERE 10:22
6
KUMAHEBHERE 10:35
Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu.
Phonononga KUMAHEBHERE 10:35
7
KUMAHEBHERE 10:26-27
Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo.
Phonononga KUMAHEBHERE 10:26-27
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo