1
KUMAHEBHERE 9:28
IZIBHALO EZINGCWELE
ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi, uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.
Thelekisa
Phonononga KUMAHEBHERE 9:28
2
KUMAHEBHERE 9:14
lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo?
Phonononga KUMAHEBHERE 9:14
3
KUMAHEBHERE 9:27
Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo
Phonononga KUMAHEBHERE 9:27
4
KUMAHEBHERE 9:22
Kananjalo ngokomthetho ndingáde ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.
Phonononga KUMAHEBHERE 9:22
5
KUMAHEBHERE 9:15
Nangenxa ke yoko, ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon' ukuba kubékho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade.
Phonononga KUMAHEBHERE 9:15
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo