1
IGENESIS 32:28
IZIBHALO EZINGCWELE
Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli,• ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa.
Thelekisa
Phonononga IGENESIS 32:28
2
IGENESIS 32:26
Yathi, Ndíndulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.
Phonononga IGENESIS 32:26
3
IGENESIS 32:24
UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa.
Phonononga IGENESIS 32:24
4
IGENESIS 32:30
Yamsikelela khona. UYakobi wayithiya loo ndawo igama eliyiPeniyeli;• kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam.
Phonononga IGENESIS 32:30
5
IGENESIS 32:25
Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo.
Phonononga IGENESIS 32:25
6
IGENESIS 32:27
Yathi kuye, Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi.
Phonononga IGENESIS 32:27
7
IGENESIS 32:29
Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Yathi, Ulibuzelani na igama lam?
Phonononga IGENESIS 32:29
8
IGENESIS 32:10
Andiyilingene inceba yonke, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbini.
Phonononga IGENESIS 32:10
9
IGENESIS 32:32
Ngenxa yoko oonyana bakaSirayeli abawudli umsipha kasikrobana ophezu kosikrobana womlenze, nanamhla; ngokuba yachukumisa usikrobana womlenze kaYakobi emsipheni kasikrobana.
Phonononga IGENESIS 32:32
10
IGENESIS 32:9
Wathi uYakobi, Thixo kabawo uAbraham, Thixo kabawo uIsaka, Yehova, ùthe kum, Buyela ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho; ndokuphatha kakuhle.
Phonononga IGENESIS 32:9
11
IGENESIS 32:11
Khawundihlangule esandleni somkhuluwa wam, esandleni sikaEsawu; ngokuba ndiyamoyika, hleze afike andibulale, unina ndawonye nabantwana.
Phonononga IGENESIS 32:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo