1
IGENESIS 12:2-3
IZIBHALO EZINGCWELE
ndikwènze uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo; ndibasikèlele abakusikelelayo, ndimtshabhise okuqalekisayo; zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi.
Thelekisa
Phonononga IGENESIS 12:2-3
2
IGENESIS 12:1
Ke kaloku uYehova wathi kuAbram, Hamba, umke ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, nasendiwini kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona
Phonononga IGENESIS 12:1
3
IGENESIS 12:4
Wahamba uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; wahamba naye uLote. UAbram ubeminyaka imashumi asixhenxe anamihlanu ezelwe, ukuphuma kwakhe kwelakwaHaran.
Phonononga IGENESIS 12:4
4
IGENESIS 12:7
UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.
Phonononga IGENESIS 12:7
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo