IGENESIS 12:2-3
IGENESIS 12:2-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ndiza kukunika inzala eninzi, eya kuba sisizwe esikhulu; ndikunike amathamsanqa, libe nodumo igama lakho, ube lithamsanqa nakwabanye. Abo bakuthamsanqelisayo nam ndobathamsanqelisa, ndibaqalekise abo bakuqalekisayo. Zonke izizwe zothamsanqeliswa ngawe.”
IGENESIS 12:2-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ndikwènze uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo; ndibasikèlele abakusikelelayo, ndimtshabhise okuqalekisayo; zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi.
IGENESIS 12:2-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndiya kukwenza uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho; kwaye uya kuba nethamsanqa. Yaye ndiya kumsikelela okusikeleleyo, lowo ukuqalekisayo ndimqalekise; zisikeleleke ngawe zonke izizukulwana zehlabathi.
IGENESIS 12:2-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndaye ndiya kukwenza ube sisizwe esikulu, ndikutamsanqele, ndilenze likulu igama lako; uze ube litamsanqa ke. Ndandiya kutamsanqela abo abatamsanqela wena, nalowo okuqalekisayo ndiya kuqalekisa yena; kanjalo ziya kutanyusanqelwa ngawe zonke izizalwane zomhlaba.