1
INTSHUMAYELI 4:9-10
IZIBHALO EZINGCWELE
Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye, kuba banomvuzo olungileyo ngemigudu yabo. Ngokuba xa bathe bawa, omnye unokumphakamisa uwabo; yeha ke, yena oyedwa, othe wawa! kuba akukho wesibini wokumphakamisa.
Thelekisa
Phonononga INTSHUMAYELI 4:9-10
2
INTSHUMAYELI 4:12
Ukuba umntu uthe wamgagamela oyedwa, bona ababini baya kumisa phambi kwakhe; umsonto ontluntathu awuhle uqhawulwe.
Phonononga INTSHUMAYELI 4:12
3
INTSHUMAYELI 4:11
Kananjalo ababini, bathe balala, baya kuva ukusitha; angáthini na ukuva ukusitha olele yedwa?
Phonononga INTSHUMAYELI 4:11
4
INTSHUMAYELI 4:6
Kulungile ukuzalisa sandla sinye ngokuphumla, kunokuzalisa zozibini izandla ngemigudu nokusukelana nomoya.
Phonononga INTSHUMAYELI 4:6
5
INTSHUMAYELI 4:4
Kananjalo ndayiqonda ke mna yonke imigudu, nayo yonke impumelelo yomsebenzi, ukuba ingumona wokwanyelana. Kwanaloo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya.
Phonononga INTSHUMAYELI 4:4
6
INTSHUMAYELI 4:13
Ulungile umntwana olihlwempu elumkile, ngaphezu kokumkani oselemkhulu, esisidenge, ongasakuvayo ukuyalwa.
Phonononga INTSHUMAYELI 4:13
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo