1
KWABASEKORINTE II 4:18
IZIBHALO EZINGCWELE
Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.
Thelekisa
Phonononga KWABASEKORINTE II 4:18
2
KWABASEKORINTE II 4:16-17
Kungoko singethi mandla; kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla. Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon' ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo.
Phonononga KWABASEKORINTE II 4:16-17
3
KWABASEKORINTE II 4:8-9
Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami; Sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa
Phonononga KWABASEKORINTE II 4:8-9
4
KWABASEKORINTE II 4:7
Ke kaloku obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi.
Phonononga KWABASEKORINTE II 4:7
5
KWABASEKORINTE II 4:4
athe uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.
Phonononga KWABASEKORINTE II 4:4
6
KWABASEKORINTE II 4:6
Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso malukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqawuli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu.
Phonononga KWABASEKORINTE II 4:6
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo