1
OOKUMKANI I 17:14
IZIBHALO EZINGCWELE
Ngokuba utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Umphanda womgubo awuyi kuphela, neselwa leoli aliyi kuminyelelwa, ide ifike imini aya kuyinisa ngayo imvula uYehova phezu komhlaba.
Thelekisa
Phonononga OOKUMKANI I 17:14
2
OOKUMKANI I 17:1
Wathi uEliya waseTishbhi, wasezindwendweni zaseGiliyadi, kuAhabhi, Ehleli nje uYehova uThixo wakwaSirayeli, endimi phambi kwakhe, akuyi kukha kubekho mbethe namvula le minyaka, kungengálo ilizwi lam.
Phonononga OOKUMKANI I 17:1
3
OOKUMKANI I 17:13
Wathi uEliya kuye, Musa ukoyika; yiya, wenze ngokwelizwi lakho; kodwa ke ndénzele isonkana ngawo ukuqala, undizisele, uzenzele ke wena nonyana wakho emveni koko.
Phonononga OOKUMKANI I 17:13
4
OOKUMKANI I 17:12
Wathi, Ehleli nje uYehova, uThixo wakho, andinasonka; ngumgubo ongázalisa isandla emphandeni, nentwana yeoli eselweni; uyabona ke, ndichola iinkuni ezimbini, ukuba ndiye ndenzele mna nonyana wam, sidle, sife.
Phonononga OOKUMKANI I 17:12
5
OOKUMKANI I 17:9
Suka uye eTsarfati yaseTsidon, uhlale khona; ùyabona, ndimwisele umthetho khona umfazi ongumhlolokazi, ukuba akuxhase.
Phonononga OOKUMKANI I 17:9
6
OOKUMKANI I 17:16
Umphanda womgubo awuphelanga, iselwa leoli alaminyelelwa, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoEliya.
Phonononga OOKUMKANI I 17:16
7
OOKUMKANI I 17:15
Waya ke, wenza ngokwelizwi likaEliya, wadla yena, naye, nendlu yakhe, zaziintsuku.
Phonononga OOKUMKANI I 17:15
8
OOKUMKANI I 17:10
Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele.
Phonononga OOKUMKANI I 17:10
9
OOKUMKANI I 17:4
Wòthi usele emlanjaneni apho; ndiwawísele umthetho amahlungulu ukuba akuxhase khona.
Phonononga OOKUMKANI I 17:4
10
OOKUMKANI I 17:11
Waya kuwakha; wambiza, wathi, Khawundiphathele neqhekeza lesonka ngesandla.
Phonononga OOKUMKANI I 17:11
11
OOKUMKANI I 17:6
Amahlungulu amzisela isonka nenyama kusasa, isonka nenyama ngokuhlwa, wasela emlanjaneni apho.
Phonononga OOKUMKANI I 17:6
12
OOKUMKANI I 17:7
Kuthe, kwakuhamba ixesha, watsha umlanjana, ngokuba bekungabangakho mvula ezweni.
Phonononga OOKUMKANI I 17:7
13
OOKUMKANI I 17:24
Wathi loo mfazi kuEliya, Kaloku ke ndiyazi ukuba ungumfo wakwaThixo wena, nelizwi likaYehova elisemlonyeni wakho liyinyaniso.
Phonononga OOKUMKANI I 17:24
14
OOKUMKANI I 17:5
Wahamba ke wenza ngokwelizwi likaYehova, waya wahlala emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.
Phonononga OOKUMKANI I 17:5
15
OOKUMKANI I 17:22
Waliva uYehova ilizwi likaEliya; wabuyela phakathi kwakhe umphefumlo waloo mntwana, waphila.
Phonononga OOKUMKANI I 17:22
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo