uLuka uLuka 12
uLuka 12
1Kuthe ngoko, akubon’ ukuba ahlanganisene ndawonye amawaka-waka abantu, ngokokude banyathelane, waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso. 2Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, ayiyi kwaziwa. 3Ngoko ke konke enikuthethe emnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; nokuthethe endlebeni emagumbini, kumenyezwe phezu kwezindlu. 4Ndithi ke kuni, zihlobo zam, Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo. 5Ndiya kunibonisa ke enomoyika; yoyikani lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, Yoyikani yena lowo. 6Abathengiswa ngeepeni ezimbini na oongqatyana abahlanu? Ukanti akukho namnye kubo olityelweyo emehlweni kaThixo? 7Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina. 8Ndithi ke kuni, Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, kwanoNyana woMntu uya kumvuma phambi kwezithunywa zikaThixo. 9Ondikhanyeleyo ke emehlweni abantu, wokhanyelwa emehlweni ezithunywa zikaThixo. 10Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa lowo unyelise uMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa. 11Xa sukuba ke benizisa ezindlwini zesikhungu, nakwirhuluneli, nakwabanegunya, ize ningaxhaleli ukuba ningaziphendulela ngokunjani na, nangantoni na, nokuba ningathethani na. 12uMoya oyiNgcwele uya kunifundisa kwangelo lixa izinto enimelwe kukuthi nithethe zona. 13Ke kaloku uthe ubani kuye endimbaneni, Mfundisi, yitsho kumzalwana wam, ahlulelane nam ilifa. 14Uthe ke yena kuye, Mntundini, ndimiswe ngubani na ukuba ndibe ngumahluli nomabi phakathi kwenu? 15Wathi kubo, Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe. 16Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu; 17wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam? 18Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke iziqhamo zam, nempahla yam; 19ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, udle, sela, yiba nemihlali. 20Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo? 21Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo. 22Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na. 23Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha. 24Qwalaselani amahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka? 25Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye? 26Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye? 27Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ke ndithi kuni, uSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi. 28Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa; wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane? 29Nize ningafuni ukuba ningadla ntoni na, nisele ntoni na; 30ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto. 31Funani ke ubukumkani bukaThixo; zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. 32Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani. 33Thengisani ngeempahla zenu, niphe amalizo; zilungiseleni iingxowa ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisi nanundu; 34kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu. 35Mazibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha; 36nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko. 37Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele. 38Nokuba ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku, nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo, yafika kunjalo, banoyolo abo bakhonzi. 39Kwazini ke oku, ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela liza ngaliphi na ilixa, ange elindile, akayiyekela indlu yakhe igqojozwe. 40Nani ngoko yibani nilungile, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo. 41Waza wathi uPetros kuye, Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, uwuthetha kubo bonke, kusini na? 42Ithe ke iNkosi, Ngubani na ke elo gosa lithembekileyo, liqondileyo, eyothi inkosi ilimise phezu kwabendlu yayo, ukuze libanike umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo? 43Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo. 44Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo. 45Ukuba ke loo mkhonzi uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; aqale ukubabetha abakhonzi nabakhonzazana, adle, asele, anxile; 46Iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, imxabele kubini, immisele isabelo sakhe kwabangakholwayo. 47Yena ke loo mkhonzi, ubekwazi ukuthanda kwenkosi yakhe, akalungisa, akenza ngokuthanda kwayo, uya kutyatyulwa ngemivumbo emininzi. 48Ke yena obengazi, wenza ke okufanele imivumbo, uya kutyatyulwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo; nakulowo kubekwe okukhulu kuye, kuya kubizwa okungaphezulu. 49Ndize kuphosa umlilo ehlabathini; Ndiya kuthini na, ukuba sele uphethiwe? 50Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; Asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke! 51Niba ndize kungenisa uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, Hayi; ndisuke ndaweni-nye; 52Kuba kuya kuthi, kuthabathela kwalapha, kubekho abahlanu ndlwini-nye bebambene, abathathu bebambene nababini, nababini bebambene nabathathu. 53Kuya kubambana uyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana wakhe, umolokazana noninazala; 54Wayesithi ke nakuzo izihlwele, Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kwaye kunjalo. 55Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; kwaba njalo. 56Bahanahanisindini, niyakwazi ukubucalula ubuso bezulu nomhlaba; Yini na ke ukuba ningalicaluli nje eli xesha? 57Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa? 58Xa uya nommangaleli wakho kumantyi, nisendleleni, yithi nisendleleni, qiniseka ukuba uzihlangule kuye; hleze akurholele emgwebini, aze umgwebi akunikele epoliseni, aze igosa likuphose entolongweni. 59Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.
Выбрано:
uLuka uLuka 12: CXB24
Выделить
Поделиться
Копировать
Хотите, чтобы то, что вы выделили, сохранялось на всех ваших устройствах? Зарегистрируйтесь или авторизуйтесь
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.