uLuka uLuka 11

uLuka 11
1Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi omnye umfundi wakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe. 2Wathi kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. 3Siphe imihla ngemihla isonka sethu semihla ngemihla. 4Sixolele izono zethu; kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekuhendweni; usihlangule ebubini. 5Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongathi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu; 6kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe? 7Aphendule lowo wangaphakathi athi, Musa ukundikhathaza; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike. 8Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo. 9Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa. 10Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. 11Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka esikhundleni sentlanzi? 12Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane? 13Ukuba ke ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo? 14Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi, yakuphuma idemon, sathetha isisidenge; bamangaliswa abantu. 15Kodwa abathile kubo bathi, Uzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon. 16Baye ke bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma ezulwini. 17Ke kaloku yena, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa. 18Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule. 19Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona. 20Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo. 21Xa igorha lixhobile, lilinda ibhotwe lalo, impahla yalo iseluxolweni; 22Xa lithe lafika igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha zonke izikrweqe zalo ebelikholose ngazo, liwabe amaxhoba alo. 23Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha. 24Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo. 25Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe. 26Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene ke bahlale khona; bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe. 27Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni apho, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, namabele owawanyayo. 28Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine. 29Ke kaloku, zakubon’ ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. 30Kuba, njengokuba uYona waba ngumqondiso kwabaseNineve, uya kuba kwanjalo uNyana woMntu kwesi sizukulwana. 31Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo namadoda esi sizukulwana, awagwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha. 32Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha. 33Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya. 34Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; kodwa xa sukuba iliso lakho lingendawo, umzimba wakho uba bubumnyama. 35Ngoko xunela ekuthini ukukhanya okukuwe kungabi bubumnyama. 36Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo imnyama, uya kukhanyiseleka uphela, njengaxenikweni sithe isibane sakukhanyisela ngokudangazela kwaso. 37Ke kaloku, akuba ethethile, umFarisi othile wayemcela ukuba aye komulela kuye. Ungenile ke wahlala phantsi. 38Uthe ke akubona oku, umFarisi wamangaliswa kukuba engathanga kuqala ahlambe, phambi kokuba adle. 39Yathi ke iNkosi kuye, Kungokunje, nina baFarisi nihlambulula umphandle wendebe nesitya; kodwa umbilini wakho uzele kukuphanga nokungendawo. 40Ziyatha, lo wawenza ingaphandle akawenzanga na owangaphakathi? 41Kodwa ke yenzani amalizo ngokwezinto eninazo; niyabona, zonke izinto zihlambulukile kuni. 42Yeha nina, baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi. 43Yeha nina, baFarisi! Kuba nithanda izihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho. 44Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abahambá phezu kwawo bengawazi. 45Waphendula ke omnye wabaqondisi-mthetho, wathi kuye, Mfundisi, uzithethile nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi. 46Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisi-mthetho! Kuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe ke nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu. 47Yeha nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele. 48Inene niyangqina ukuba niyayivumela imisebenzi yooyihlo; kuba bona bababulala okunene, nibe ke nina niwakha amangcwaba abo. 49Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bathi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile, bathi inxenye kubo bayibulale, bayitshutshise; 50ukuze kubizwe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kwasekusekweni kwehlabathi; 51Ukususela kwigazi lika-Abheli ukuya kutsho kwigazi likaZakariya, owatshabalala phakathi kwesibingelelo nendlu kaThixo. Inene ndithi kuni, liya kubizwa kwesi sizukulwana. 52Yeha nina, baqondisi-mthetho! ngokuba nisithabathile isitshixo sokwazi; anangena ngokwenu, naba ke nabangenayo nabalela. 53Ke kaloku, akuba ezithethile ezi zinto kubo, ababhali nabaFarisi baqala ukumvuselela kakhulu, nokumcaphukisa ukuba athethe izinto ezininzi, 54bemlalele, befuna ukunqakula into ephuma emlonyeni wakhe, ukuze bammangalele.

Выбрано:

uLuka uLuka 11: CXB24

Выделить

Поделиться

Копировать

None

Хотите, чтобы то, что вы выделили, сохранялось на всех ваших устройствах? Зарегистрируйтесь или авторизуйтесь