Ivangeli ka‐Johane 8
8
1Kodwa u‐Yesu waya entabeni yeminquma.
2Kekaloku kusasa wabuya wafika etempileni, bati bonke abantu beza kuye; waza wahlala pantsi, wabafundisa.
3Kekaloku ababa̔li nabafarisi bazisa kuye umfazi ebanjiwe ekuṙexezeni; baza bakuba bemmisile pakati, 4bati kuye: Mfundisi! lomfazi watiwa xafu eṙexeza: 5kekaloku emtetweni u‐Mosesi wasiyalela ukuba abanjalo bagityiselwe ngamatye; wena pofu uti nina? 6Babesitsho bemlinga, ukuze babe nako ukumnika ityala. Kodwa u‐Yesu watoba pantsi, waba̔la ngomnwe emhlabeni. 7Koko xeshekweni bebemana bembuza, wazipakamisa, wati kubo: Ongenasono pakati kwenu, makabe nguye oqala ukuposa ilitye ngakuye. 8Waza wabuya watoba pantsi, waba̔la emhlabeni. 9Kodwa bona bevile nje, benqi̔niselwa luvalo lwabo kanjalo, bapuma omnye ngomnye, beqala kubo abadala, kwada kwaba ngabokupela: waza u‐Yesu washiywa yedwa, nomfazi emi pakati. 10Kekaloku akuba ezipakamisile u‐Yesu, engaboni mntu kupela umfazi lowo, wati kuye: Mfazi! bapina abo abakunika ityala? akuko namnye owakugweba na? 11Wati ke yena: Namnye, Nkosi! Wayesiti u‐Yesu kuye: Nam andikugwebi; hamba, ungabi sona.
12Wandula u‐Yesu wabuya wateta kubo, esiti: Mna ndilulo ukanyiso lwelizwe: lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni, koko aya kuba nalo ukanyiso lwobomi.
13Bati ngoko kuye abafarisi: Uyazinqi̔nela ngokwako; ubunqi̔na bako abuyinene.
14Wapendula u‐Yesu wati kubo: Nakuba ndizinqi̔nela ngokwam, buyinene ubunqi̔na bam; ngokuba ndisazi apo ndavela kona, nalapo ndiya kona: kodwa nina anazi apo ndivela kona, nalapo ndiya kona. 15Niyagweba nina ngokwenyama; andigwebi mntu mna. 16Kodwa noko ndigwebayo mna, ukugweba kwam kuyinene; ngokuba ndingendedwa, ndim nobawo owanditumayo. 17Kanjalo kuba̔liwe nasemtetweni wenu, ukuba ubunqi̔na babantu ababini buyinene. 18Mna ndingozinqinela ngokwam, kanjalo uyanqi̔na ngam ubawo owanditumayo.
19Babesiti ngoko kuye: Upina uyihlo wako? Wati u‐Yesu ukupendula: Anindazi mna, animazi nobawo kanjako: ukuba nibe nindazi mna, ngeniba nimazi nobawo.
20Lamazwi wawateta u‐Yesu endaweni yendyebo, efundisa etempileni: kanti bekungeko mntu owambambayo; ngokuba belingekafikanga ixeshana lake.
21Wandula u‐Yesu wabuya wati kubo: Mna ndiyemka, naniya kundifuna, kanti niya kufa esonweni senu: apo ndiya kona, aningeze nina.
22Abesiti ngoko ama‐Juda: Wozibulala yinina? ukuba esiti: Apo ndiya kona, aningeze nina.
23Waza wati kuwo: Nina nivela ngapantsi, mna ndivela pezulu; nina ningabakulo ilizwe eli, mna andingowakulo ilizwe eli. 24Ndatsho ngoko kuni ukuti, niya kufa ezonweni zenu; ngokuba xeshekweni ningakolwayo ukuba ndinguye, niya kufa ezonweni zenu.
25Andula ati kuye: Ungubanina wena? Waza wati kuwo u‐Yesu: Ndikoko sendisitsho kuni ukuba ndikuko kutabata ekuqaleni. 26Ndinezinto ezininzi zokuteta nokugweba ngani: koko owanditumayo uyinene, nam izinto endazivayo kuye, ezi ndiyaziteta kwilizwe. 27Akaqonda ukuba ebeteta kubo ngaye uyise.
28Wandula wati kuwo u‐Yesu: Xeshekweni nimpakamisile unyana wesintu, oko niya kwazi ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam, koko nditi, njengokuba bendifundiswe ngubawo, ndizitete njalo ezizinto. 29Kanjalo lowo wanditumayo uko nam: ubawo akandishiyanga ndedwa, kuba ndizenza ngamaxesha onke ezozinto zikolekileyo kuye.
30Nxa abeteta ezizinto abaninzi bakolwa kuye. 31Wabesiti ngoko u‐Yesu kuma‐Juda lawo abekoliwe nguye: Xeshekweni nihlala elizwini lam, ningabadisipile bam ngenyaniso; 32naniya kuyazi inyaniso, iti yona inyaniso inikululekise.
33Ati ukumpendula: Siyinzalo ka‐Abrahame, asizanga sibe sebukobokeni kumntu nakanye: uti nina wena ukuti: Niya kwenziwa nikululekile.
34Wati u‐Yesu ukuwapendula: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Osukuba esenza isono, ulikoboka lesono. 35Olikoboka akahlali endlwini ngonapakade; nguye unyana ohlalayo ngonapakade. 36Xeshekweni ngoko unyana anikululekisayo, noba nikululekile ngokwenyaniso. 37Ndiyazi ukuba niyinzalo ka‐Abrahame; niyafuna ukundibulala noko, kuba ilizwi lam lingafumani indawo kuni. 38Mna ndiyateta oko ndikubonileyo kubawo wam; nani kwa njalo niyakwenza oko nikubonileyo kuyihlo wenu.
39Apendula ati kuye: Ubawo wetu ungu‐Abrahame.
Wati kuwo u‐Yesu: Ukuba nibe nilusapo luka‐Abrahame, ngeniba niyenza imisebenzi ka‐Abrahame. 40Kodwa ngoku niyafuna ukundibulala, umntu oyitetileyo kuni inyaniso, leyo ndayivayo kutixo: oku akakwenza u‐Abrahame. 41Nina niyayenza imisebenzi yoyihlo wenu.
Andula ati kuye: Asizelwe tina ngombulo: sinobawo emnye, utixo.
42Wandula wati kuwo u‐Yesu: Ukuba utixo ebenguyihlo wenu, ngeniba nitanda mna: ngokuba ndapuma ndavela kutixo; ngokuba kanjako ndingezanga ngokwam, nguye lowo owanditumayo. 43Kunganina ukuba ningaqondi ukuteta kwam? kukuba ningelive ilizwi lam. 44Nina ningabakuye uyihlo u‐Satane, nenkanuko zoyihlo wenu niyatanda ukuzenza. Yena lowo ebengumbulali kwa sekuqaleni, engemanga enyanisweni ke, kuba kungeko nyaniso kuye. Nxa ateta ubuxoki, uyateta kokukokwake: ngokuba elixoki, noyise wabo. 45Kodwa mna ngokuba ndiyiteta inyaniso, anikolwa kum. 46Ngubanina kuni ondivisa ityala ngesono? Kodwa ukuba ndiyateta inyaniso, kunganina ukuba ningakolwa kum? 47Lowo ungowakuye utixo uyaweva amazwi katixo: ngenxa yoku aniweva nina, kuba ningengabakuye utixo.
48Andula apendula ama‐Juda, ati kuye: Asilungisi ukutsho na, ukuba ungum‐Samariya wena, nokuba unedemoni?
49Wati u‐Yesu ukupendula: Andinademoni; koko ndibeka ubawo, nani nidela mna. 50Kodwa andibufuni ubungcwalisa bam; kuko oti afune agwebe. 51Ngokwenene ngokwenene, nditi kuni: Xeshekweni umntu aligcina ilizwi lam, akasayi kubona ukufa napakade.
52Andula ati kuye ama‐Juda: Kaloku siyazi ukuba unedemoni. U‐Abrahame wafa, kwa nabaprofite; kanti wena uti: Xeshekweni umntu aligcina ilizwi lam, akasayi kuva ukufa napakade, 53umkulu wena yinina kubawo wetu U‐Abrahame, owafayo? kanjalo abaprofite bafa: uyazenza banina wena?
54Wati u‐Yesu ukupendula: Ukuba ndiyazenzela ubungcwalisa mna ngokwam, ubungcwalisa bam abuluto: ngubawo ondenzela ubungcwalisa, eniti nina ngaye u ngutixo wenu. 55Kanti animazanga yena; kodwa mna ndiyamazi: nokuba nditsho ukuti andimazi, ndoba lixoki njengani: koko ndimaziyo, nelizwi lake ndiyaligcina. 56U‐Abrahame uyihlo wenu wagcoba ukuba abe nokubona umhla wam; wawubona ke, wavuya nokuvuya.
57Andula ati ama‐Juda kuye: Akukabi yiminyaka imashumi mahlanu ubudala bako, no‐Abrahame umbonile nje na?
58Wati kuwo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Engekabangako u‐Abrahame, ndiko mna.
59Andula acola amatye ukuba amgibisele: kodwa u‐Yesu wafihleka, wapuma etempileni, ecanda pakati kwawo, wadlula njalo ke.
Actualmente seleccionado:
Ivangeli ka‐Johane 8: XHO1902A
Destacar
Compartir
Copiar
¿Quieres guardar tus resaltados en todos tus dispositivos? Regístrate o Inicia sesión
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.