Logo de YouVersion
Ícono Búsqueda

Ivangeli ka‐Johane 9

9
1WATI akuba ebedlula wabona umntu obeyimfama ngokuzalwa. 2Baza babuza kuye abadisipile bake, besiti: Rabi! ngubanina owabesona, nguye lo, ngabazali bake, kusinina, ukuba abe nokuzalwa eyimfama? 3Wati u‐Yesu ukupendula: Akona naló, abona nabazali bake; kukuba kubonakaliswe imisebenzi katixo kuye. 4Ndifanele ukusebenza imisebenzi yalowo wanditumayo, nxa imini iseko; buyeza ubusuku, oko kungesetyenzwe mntu. 5Xeshekweni ndiselizweni, ndilukanyiso lwelizwe.
6Akuba ebetshilo oku, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamate, watambisa amehlo oyimfama ngodaka olo, 7wati kuye: Hamba uhlambe ecibini le‐Siloha; (okuti ukukunyushwa lelitunyiweyo.) Waya ngoko wahlamba, weza ebona.
8Ngako imimelwane, nabo babefudula bembona ukuba uyimfama, babesiti: Lo asi nguye na oti ahlale anqi̔be? 9Bati abanye: Nguye: bati nabanye: Ufana naye. Wati yena: Ndinguye. 10Bati ngoko kuye: Atiwa nina ukuvulwa amehlo ako? 11Wapendula yena wati: Umntu o‐kutwa ngu‐Yesu wenza udaka, watambisa amehlo am, wati kum: Hamba uye ecibini le‐Siloha, uhlambe. Ndaya ke ndahlamba, ndamkela ukubona. 12Bandula bati kuye: Upina yena? Wati: Andazi.
13Bamzisa kubafarisi lowo ubefuda eyimfama. 14Kekaloku bekuyimini yesabata oko u‐Yesu wenzayo udaka olo, wavula amehlo ake. 15Ngako kanjako babuza kuye nabafarisi ukuba watiwa nina ukwamkela ukubona. Wayesiti kubo: Wabeka udaka pezu kwamehlo am, ndaza ndahlamba, ndiyabona ke. 16Bati ngoko inxenye kubafarisi: Lomntu akaveli kutixo, ngokuba engagcini imini yesabata. Bati abanye: Angati nina umntu ongumoni ukwenza imimangaliso engakanana? Kwaza kwabako impambano pakati kwabo. 17Bati kobeyimfama kanjako: Uti nina wena ngaye, evulile amehlo ako nje? Wayesiti: Ungumprofite.
18Ati kekaloku ama‐Juda akakolwa ngaye ukuba ebeyimfama waza wamkela ukubona, ada abiza abazali balowo obekwamkele ukubona. 19Aza abuza kubo, esiti: Lo ungunyana wenu na, eniti wazalwa eyimfama? ute nina pofu ukubona ngoku? 20Bapendula kuwo abazali bake bati: Siyazi ukuba lo ungunyana wetu, nokuba wazalwa eyimfama: 21kodwa ukuba ute nina ukubona kaloku, asikwazi; nokuba ungubanina owavula amehlo ake, asimazi tina: usel’ ekulile yena; buzani kuye; wozitetela ngokwake.
22Batsho abazali bake, kuba bebesoyika ama‐Juda: ngokuba ama‐Juda ebesel’ evumelene, ukuba, xeshekweni umntu amvumayo ukuba ungu‐Kristu, makaku̔tshwe entlanganisweni. 23Ngako oko abazali bake bati: Usel’ ekulile; buzani kuye.
24Bandula bambiza ngokwesibini lowamntu obeyimfama, bati kuye: Mnike udumo utixo; siyazi tina ukuba umntu lo ungumoni. 25Wandula wapendula yena lowo wati: Ukuba ungumoni na, andikwazi; inye into endiyaziyo, yokuba, ndiyimfama nje, kaloku ndiyabona.
26Baza bati kuye kanjako: Wenza nto nina kuwe? wati nina ukuvula amehlo ako? 27Wati ukubapendula: Sendinixelele, kanti anivanga; yinina ukuba nifune ukuva kanjako? kanene nani nifuna ukuba ngabadisipile bake na?
28Bandula bamtuka, bati: Wena ungumdisipile walowa; tina kodwa singabadisipile baka‐Mosesi. 29Siyazi tina ukuba utixo utetile ku‐Mosesi; kodwa lo asimazi ukuba uvela pina. 30Wapendula umntu lowo wati kubo: Pofu lento ingummangaliso okunene, yokuba nina animazi ukuba uvela pina, noko wavulayo amehlo am. 31Kekaloku siyazi ukuba aboni utixo akabeva; kodwa ukuba umntu engumbedeshi katixo, esenza nentando yake, yena lo uyamva. 32Akuzanga kuviwe kwa napakade ukuba bekuko owavula amehlo obezelwe eyimfama. 33Ukuba lo ebengaveli kutixo, ebengenze luto. 34Bapendula bati kuye: Wena uzelwe upela ezonweni nje, uyasifundisa tina na ke? Baza bamku̔pela pandle.
35Weva u‐Yesu ukuba bebemku̔pele pandle: waza akumfumana wati kuye: Uyakolwa kunyana katixo na? 36Wapendula yena wati: Ungubanina, Nkosi! ukuze ndikolwe kuye? 37Wati ke u‐Yesu kuye: Umbonile kambe, kanjalo lo uteta nawe unguye. 38Wayesiti: Ndiyakolwa, Nkosi! wambedesha ke.
39Waza wati u‐Yesu: Ndeza kwelilizwe kube kukugwetywa, ukuze abo bangaboniyo babone, nabo babonayo benzwe imfama.
40Baza abo bakubafarisi abebenaye beva ezizinto, bati kuye: Nati sizimfama na? 41Wati kubo u‐Yesu: Ukuba nibe nizimfama, ngeniba ningenasono; kodwa kaloku niti: Siyabona; ngoko isono senu siseko.

Actualmente seleccionado:

Ivangeli ka‐Johane 9: XHO1902A

Destacar

Compartir

Copiar

None

¿Quieres guardar tus resaltados en todos tus dispositivos? Regístrate o Inicia sesión