Logo de YouVersion
Ícono Búsqueda

Ivangeli ka‐Johane 7

7
1EMVENI kwezizinto ke wabehamba u‐Yesu e‐Galili: ngokuba ebengavumi ukuhamba e‐Judeya, kuba ama‐Juda ebefuna ukumbulala.
2Kekaloku umtendeleko wama‐Juda, owamapempe, ubukufupi. 3Bati ngoko kuye abazalwana bake: Puma apa, uye e‐Judeya, ukuze abadisipile bako nabo bakangele imisebenzi uyenzayo. 4Ngokuba kungeko mntu owenza into ngasese, nxa afuna ukuba yena ngokwake abe nokwazeka. Ukuba ezizinto uyazenza, zibonakalise kwilizwe. 5Ngokuba nabazalwana bake bebengakolwa kuye.
6Wandula wati kubo u‐Yesu; Elam ixesha alikafiki; kodwa elenu ixesha lilungile futi. 7Ilizwe alingetiye nina: kodwa mua liyanditiya, ngokuba ndinqi̔na ngalo, ukuba imisebenzi yalo ikohlakele. 8Nina nyukelani kuwo umtendeleko lo: mna andikanyukeli kuwo umtendeleko lo; ngokuba elam ixesha alikazalisekile.
9Kekaloku akuba etshilo oku, wahlala e‐Galili. 10Kodwa xeshekweni bebenyuke abazalwana bake, wandula wenyuka naye waya emtendelekweni, bekungesekuhleni, bekunjengokungati kungasese.
11Abesiti ngoko ama‐Juda amfuna emtendelekweni, ati: Upina yena? 12Kwaye kuko nokudumzela okuninzi ngaye pakati kwezihlwele: babesiti ke inxenye: Ulungile; babesiti nabanye: Hai: koko alahlekisa isihlwele. 13Kodwa noko bekungeko mntu obeteta ngaye ekuhleni, ngenxa yokwoyika ama‐Juda.
14Kekaloku kwakuba kuse kupakati kwomtendeleko, wati u‐Yesu wenyukela etempileni, wafundisa. 15Aza ati nqa ama‐Juda, esiti: Ute nina lo ukwazi ufundo, engafundanga nje?
16Wawapendula u‐Yesu, wati: imfundiso yam asi yeyam, yeyalowo wanditumayo. 17Ukuba umntu uyavuma ukuyenza intando yake, uya kwazi ngayo imfundiso yam, ukuba ivela kutixo, ukuba nditeta ngokwam, kusinina. 18Otetayo ngokwake, uyafuna obake ubungcwalisa; kodwa obufuna ubungcwalisa balowo wamtumayo, yena lo uyinene, kungeko ukungalungi kuye, 19u‐Mosesi akaninikanga umteto na? kanti akuko namnye kuni owenzayo umteto. Yinina ukuba nifuna ukundibulala?
20Sapendula isihlwele sati: Unedemoni; ngubanina ofunayo ukukubulala?
21Wapendula u‐Yesu wati kubo: Ndawenza umsebenzi wamnye, nani niti nqa nonke. 22Ngenxa yoku u‐Mosesi uninikile ulwaluko, kungekukuba luvela ku‐Mosesi, kukuba luvela koyihlo; nani niti ngemini yesabata nimaluse umntu. 23Ukuba ukwaluka umntu uyakwamkela ngemini yesabata, ukuze kungapulwa umteto ka‐Mosesi: nindiqumbele na, ngokuba ndimpilisile umntu umzimba wonke ngemini yesabata? 24Ningagwebi ngokubonakalayo, koko ukugweba okulungileyo kugwebeni.
25Bandula bati inxenye yabase‐Yerusaleme: Asi nguye na lo, abafuna ukumbulala? 26Kanti nanku eteta ngokukalipa, bengati luto kuye noko. Kanene abapati baqinisile ukwazi na ukuba lo unguye u‐Kristu ngenyaniso? 27Koko lo simazi ukuba uvela pina; kodwa u‐Kristu okuya afikayo, akuko mntu owaziyo ukuba uvela pina.
28Wandula wadanduluka u‐Yesu, efundisa etempileni, esiti nokuti: Ewe mna niyandazi, nokuba ndivela pina niyakwazi; kanti andizanga ngokwam, koko owanditumayo uyinyaniso, eniti nina ningamazi. 29Kodwa ndiyamazi mna; ngokuba ndivela kuye, kanjalo yena wandituma.
30Babefuna ngoko ukumbamba: kanti bekungeko mntu owabeka isandla pezu kwake, ngokuba ixeshana lake belingekafikanga. 31Kodwa abaninzi basesihlweleni bakolwa kuye, bati: u‐Kristu okuya afikayo, woka ayenze na imimangaliso emininzi kulé ayenzileyo lo? 32Bati abafarisi beva isihlwele sidumzela ezizinto ngaye: baza abafarisi nabaperisite abakulu batuma amadindili, ukuze ambambe.
33Wandula wati kubo u‐Yesu: Lixesha elincinane endisenani ngalo, ndize ndiye kulowo wanditumayo. 34Niya kundifuna, kanti aniyi kundifumana; nalapo ndikoyo mna, aningeze nina kona.
35Andula ati ama‐Juda pakati kwawo: Lo uza kuya pina, ukuba asiyi kumfumana? uza kuti na aye kwabaci̔takeleyo pakati kwama‐Girike, awafundise ama‐Girike nje? 36Lelanina eli ilizwi walitshoyo ukuti: Niya kundifuna, kanti aniyi kundifumana; nalapo ndikoyo mna, aningeze nina kona?
37Kekaloku ngomhla wokupela, ongomkulu womtendeleko, wema u‐Yesu, wadanduluka esiti: Ukuba uti umntu anxanwe, makeze kum, asele. 38Okolwayo kum, njengokuba sisitsho isiba̔lo, imilambo yamanzi apilileyo iya kwela kwa sembilini wake. 39(Kodwa oku wakutsho ngomoya, abebeza kumamkela abakolwayo kuye: ngokuba umoya oyingcwele ebengekabiko, kuba u‐Yesu ebengekenzelwe ubungcwalisa.)
40Babesiti ngoko abaninzi basesihlweleni, bakuva isiteto eso: Ngenyaniso lo ungumprofite lowo. 41Babesiti abanye: Lo unguye u‐Kristu. Kodwa babesiti abanye: Pofu u‐Kristu uvela e‐Galili na? 42Asitshilo na isiba̔lo ukuti, u‐Kristu uvela kwinzalo ka‐Davide, nase‐Beteleheme, emzini apo u‐Davide ebekona? 43Kwabako ngoko impambano pakati kwesihlwele ngenxa yake. 44Babefuna ke inxenye kubo ukumbamba; koko bekungeko mntu owabeka izandla pezu kwake.
45Andula eza amadindili lawo kubo abaperisite abakulu nabafarisi; abati kuwo bona: Kunganina ukuba animzisanga? 46Ati amadindili ukupendula: Akuzanga kutete njalo umntu, njengokuba etete lomntu. 47Bandula bati abafarisi ukuwapendula: Nikohlisiwe nani na? 48kuko na owakubapati okoliweyo kuye, umhlaumbi owakubafarisi? 49koko isihlwele esi, esingawaziyo umteto, siqalekisiwe.
50Wati u‐Nikodemo kubo: (lowo wezayo ngobusuku kuye, engomnye wakubo:) 51Umteto wetu uyagweba umntu na, ukuba awuti tanci uve kuye, uqonde into ayenzayo? 52Bapendula bati kuye: Ungowase‐Galili nawe na? pengulula, ubone ukuba akuvukanga mprofite e‐Galili.
53Baza bati bonke ngabanye baya ezindlwini zabo.

Actualmente seleccionado:

Ivangeli ka‐Johane 7: XHO1902A

Destacar

Compartir

Copiar

None

¿Quieres guardar tus resaltados en todos tus dispositivos? Regístrate o Inicia sesión