YouVersion Logo
Search Icon

OOKUMKANI II 5

5
Iqhenqa likaNahaman liyaphiliswa
1Ke kaloku uNahaman, umthethelimkhosi wokumkani wakwa-Aram,• waye eyindoda enkulu enkosini yakhe, ebekekileyo; ngokuba uYehova wayewanike ama-Aram usindiso ngaye. Loo ndoda yabe iligorha, ilikroti, kodwa ineqhenqa.
2Ama-Aram ayephume aya kututa, athimba ezweni lakwaSirayeli intombazana; yasisicakakazi kumkaNahaman. 3Yathi kwinkosikazi yayo, Akwaba inkosi yam le ibiphambi komprofeti okwaSamari! Ubeya kuyiphilisa eqhenqeni layo. 4Waya wayixelela inkosi yakhe, wathi, Ithe yathi, yathi ukuthetha, intombi evela ezweni lakwaSirayeli. 5Wathi ukumkani wama-Aram, Hamba uye, ndomthumela incwadi ukumkani wakwaSirayeli.
Wahamba, waphatha esandleni sakhe ishumi leetalente• zesilivere, namawaka amathandathu eeshekele• zegolide, neshumi leengubo zokukhululana. 6Wayizisa incwadi kukumkani wakwaSirayeli, isithi, Kaloku ke, ekufikeni kwale ncwadi kuwe, yabona, ndikuthuméle uNahaman umkhonzi wam, ukuba umphilise eqhenqeni lakhe.
7Kwathi, akuyilesa ukumkani wakwaSirayeli incwadi, wazikrazula iingubo zakhe, esithi, NdinguThixo yini na, ukuba ndibulale, nokuba ndiphilise, ngokuba lo uthuméle kum, ukuba ndiphilise indoda eqhenqeni layo. Khangelani ke, nibone, ukufuna kwakhe isizathu sokuxabana nam. 8Kwathi, akuva uElisha, umfo wakwaThixo, ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule iingubo zakhe, wathumela kukumkani wathi, Ùzikrazulele ntoni na iingubo zakho? Makeze kum, azi ukuba kukho umprofeti kwaSirayeli.
9Weza uNahaman namahashe akhe neenqwelo zakhe, wamisa emnyango endlwini kaElisha. 10UElisha wathuma umthunywa kuye, esithi, Yiya uhlambe izihlandlo ezisixhenxe eYordan, ibuyele kuwe inyama yakho, uhlambuluke.
11Waba noburhalarhume uNahaman, wemka, wathi, Bonani, bendiba mna wophuma eze kum, eme anqule igama likaYehova uThixo wakhe, awangawangise isandla sakhe phezu kwale ndawo, alisuse iqhenqa. 12IAbhana neFarpare, imilambo yaseDamasko, ayilungile na, ngaphezu kwamanzi onke akwaSirayeli? Andingehlambi kuyo na, ndihlambuluke? Wajika, wahamba engumlilo. 13Bafika abakhonzi bakhe, bathetha naye, bathi, Bawo, ukuba umprofeti ubethethe into enkulu kuwe, ubungàyi kuyenza yini na? Kangakanani na ke xa athi kuwe, Hlamba, uhlambuluke? 14Wehla ke, wantywila izihlandlo ezisixhenxe eYordan, ngokwelizwi lomfo wakwaThixo; yabuya ke inyama yakhe, yanjengenyama yomntwana, wahlambuluka.
15Wabuyela kumfo wakwaThixo, yena nesihlwele sakhe sonke, weza, wema phambi kwakhe, wathi, Uyabona, ndiyaqonda ngoku ukuba akukho Thixo ehlabathini lonke, kùkwaSirayeli kodwa; kaloku khawamkele intsikelelo kumkhonzi wakho. 16Wathi yena, Ehleli nje uYehova, endimi phambi kwakhe, andiyi kuyamkela. Wamjoka, ukuba ayamkele; àkavuma. 17Wathi uNahaman, Umkhonzi wakho akangekhe anikwe na ke umhlaba ongumthwalo woondlebende ababini? Ngokuba umkhonzi wakho akasayi kuba senza dini linyukayo nambingelelo thixweni bambi; úya kwenza kuYehova yedwa. 18Kule nto uYehova aze amxolele umkhonzi wakho: yakungena inkosi yam endlwini kaRimon, ukuba iqubude khona, yayame esandleni sam, nam ndaqubuda endlwini kaRimon: ekuqubudeni kwam ke endlwini kaRimon, aze uYehova amxolele umkhonzi wakho kuloo nto. 19Wathi kuye, Hamba unoxolo.
Wemka kuye, wee qelele umganyana. 20Wathi uGehazi, umkhonzi kaElisha umfo wakwaThixo, Yabona, inkosi yam imyekile uNahaman umAram lo, àyayamkela esandleni sakhe into abeyizisile; ehleli nje uYehova, inene, ndiya kumsukela, ndithabathe intwana kuye. 21UGehazi wamphuthuma uNahaman. UNahaman wambona emsukela, wehla enqwelweni yakhe, eya kumkhawulela, wathi, Kuhlé ntoni na? 22Wathi, Akukho nto. Inkosi yam indithumile, isithi, Nanku, kufike kum ngoku amadodana amabini akoonyana babaprofeti, evela kweleentaba lakwaEfrayim; khawuwanike italente yesilivere, neengubo ezimbini zokukhululana. 23Wathi uNahaman, Makukholeke kuwe ukuthabatha zibe mbini iitalente. Wamjoka, wabopha iitalente zambini zesilivere ezingxoweni ezimbini, neengubo ezimbini zokukhululana, wanika abafana ababini; bathwala phambi kwakhe. 24Uthe akufika endulini, wazithabatha ezandleni zabo, wazibeka endlwini, wawandulula amadoda lawo emka.
25Waya, wema phambi kwenkosi yakhe. Wathi uElisha kuye, Ùvela phi na, Gehazi? Wathi, Úbengayanga ndawo umkhonzi wakho. 26Wathi kuye, Intliziyo yam ayihambanga nawe yini na, okuya yajikayo indoda enqwelweni yayo, yeza kukukhawulela? Lixesha yini na eli lokwamkela isilivere, nelokwamkela iingubo, neminquma, nezidiliya, nempahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi, nabakhonzazana? 27Iqhenqa likaNahaman malinamathele kuwe nakwinbewu yakho ngonaphakade. Waphuma ebusweni bakhe eneqhenqa, emhlophe njengekhephu.

Currently Selected:

OOKUMKANI II 5: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy