YouVersion Logo
Search Icon

OOKUMKANI II 6

6
Ukudada kwentloko yezembe
1Bathi oonyana babaprofeti kuElisha, Khawubone le ndawo, sihleli kuyo phambi kwakho; sixinene kuyo. 2Makhe siye eYordan, sizithabathele khona elowo umqadi ube mnye, sizenzele khona indawo yokuhlala. Wathi, Yiyani. 3Wathi omnye, Makukholeke kuwe ukuhamba nabakhonzi bakho. Wathi, Ndiya kuhamba. 4Wahamba nabo. Bathi bakufika eYordan, bagawula imithi. 5Kwathi, omnye ewisa umqadi, intsimbi yeyela emanzini; wakhala, wathi, Yoo, nkosi yam! ibibolekiwe. 6Wathi umfo wakwaThixo, Iwe phi na? Wambonisa loo ndawo. Wanqumla uluthi, waluphosa khona. Yadada intsimbi. 7Wathi, Yithabathe. Wasolula isandla sakhe, wayithabatha.
UElisha nama-Aram eDotan
8Ke kaloku ukumkani wama-Aram• wayesilwa namaSirayeli, wacebisana nabakhonzi bakhe, esithi, Kuya kuba sekuthini, nasekuthini, apho ndolalisa khona. 9Wathumela umfo wakwaThixo kukumkani wakwaSirayeli, esithi, Zigcine, ungegqithi kulaa ndawo; ngokuba ama-Aram ehla khona. 10Ukumkani wamaSirayeli wathumela kuloo ndawo, abemxelele yona umfo wakwaThixo, embonisa; wazikhusela khona, akwaba kanye nakabini.
11Yabhabhama intliziyo yokumkani wakwa-Aram yiloo nto; wabiza abakhonzi bakhe, wathi kubo. Ànindixeleli na ukuba ngubani na kuthi apha, ongakukumkani wakwaSirayeli? 12Wathi omnye wakubakhonzi bakhe, Asisithi, nkosi yam kumkani; ke nguElisha, umprofeti okwaSirayeli, oxelela ukumkani wamaSirayeli amazwi owathetha usengontsini yakho yokulala. 13Wathi, Yiyani, nikhangele apho akhona; ndithumèle, ndimthabathe. Waxelelwa kwathiwa, Nanko eDotan. 14Wathumela khona amashashe, neenqwelo zokulwa, nempi eninzi; baya ebusuku, bawungqinga umzi.
15Wavuka kusasa umlungiseleli womfo wakwaThixo, wesuka waphuma, nantso impi iwujikelezile umzi, inamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umfana lowo kuye, Yoo, nkosi yam, siya kuthini na? 16Wathi yena, Musa ukoyika; ngokuba baninzi abangakuthi, ngaphezu kwabangakubo. 17Wathandaza uElisha, wathi, Yehova, khawuwavule amehlo akhe, abone. UYehova wawavula amehlo omfana lowo, wabona, nantso intaba izele ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo, zimjikelezile uElisha.
18Behla baya kuye, wathandaza uElisha kuYehova, wathi, Khawulubethe olu hlanga ngobumfama. Wababetha ke ngobumfama, ngokwelizwi likaElisha. 19Wathi uElisha kubo, Asiyiyo indlela le, asinguwo umzi lo; ndilandeleni, ndinise kuloo ndoda niyifunayo; wabása kwaSamari. 20Kwathi, bakufika kwaSamari, wathi uElisha, Yehova, wavule amehlo aba bantu, babone. Wawavula uYehova amehlo abo, babona. Nanku, bephakathi komzi wakwaSamari.
21Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuElisha, akubabona, Ndibaxàbele na, ndibaxàbele na, bawo? 22Wathi yena, Uze ungabaxabeli. Obathimbileyo ngekrele lakho nesaphetha sakho ubungábaxabelayo na? Beka isonka namanzi phambi kwabo, badle, basele, bahambe, baye enkosini yabo. 23Wabenzela isidlo esikhulu; badla basela; wabandulula, bahamba baya enkosini yabo. Akaba saphinda amatutu ama-Aram ukulingena ilizwe lamaSirayeli.
Ukungqingwa komzi wakwaSamari
24Kwathi emva koko, wayihlanganisa uBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, yonke impi yakhe, wenyuka wawungqinga umzi wakwaSamari. 25Kwabakho ke indlala enkulu kwaSamari. Yabona, bawungqinga ke, yada intloko ye-esile yathengiswa ngamashumi osibhozo eeshekele zesilivere,• nesahlulo sesiné sekabhe• yendlelo yamavukuthu saba sisihlanu sesilivere.
26Kwathi, edlula ukumkani wakwaSirayeli phezu kodonga, intokazi yamemeza kuye, isithi, Sindisa, nkosi yam, kumkani. 27Wathi yena, Engakusindisi nje uYehova, ndokusindisa ngantoni na mna? ngesandá, ngesixovulelo sediliya, kusini na? 28Wathi ukumkani kuyo, Ùhlelwe yintoni na? Wathi, Lo mfazi uthe kum, Ndínike unyana wakho, sidle yena namhla, sidle unyana wam ngomso. 29Sampheka ke unyana wam, samdla; ndathi kuye ngomhla olandelayo, Ethe unyana wakho, simdle; wamzimeza unyana wakhe.
30Kwathi, akuweva ukumkani amazwi entokazi leyo, wazikrazula iingubo zakhe; wayedlula phezu kodonga. Bakhangela abantu, nanko eneengubo ezirhwexayo ngaphantsi kwezinye enyameni yakhe. 31Wathi, Makenjenje kum uThixo, aqokele ukwenjenje, ukuba intloko kaElisha, unyana kaShafati, iya kuma phezu kwakhe namhla.
32UElisha ke ubehleli endlwini yakhe, namadoda amakhulu ebehleli naye. Ukumkani wathuma indoda ebusweni bakhe. Engekafiki umthunywa lowo kuye, wathi yena kumadoda amakhulu, Niyabona na, ukubo lo nyana wombulali uthuméle ukuba ndisuswe intloko? Niyabona, akufika umthunywa lowo, luvaleni ucango, mintyhale ngocango; naso isingqi seenyawo zenkosi yakhe sisemva kwakhe. 33Esathetha nawo, nanko umthunywa lo esihla esiza kuye. Wathi ukumkani, Yabona, obu bubi buphuma kuYehova; ndisamlindele ngani na uYehova?

Currently Selected:

OOKUMKANI II 6: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy