YouVersion Logo
Search Icon

OOKUMKANI II 4

4
UElisha wandisa ioli yomhlolokazi
1Ke kaloku umfazi othile kubafazi boonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho indoda yam ifile. Ùyazi wena ukuba umkhonzi wakho lowo ebemoyika uYehova; ke umboleki-mali uze kubathabathela kuye oonyana bam bobabini, ukuba babe ngamakhoboka. 2Wathi uElisha kuye, Ndikwènzele ntoni na? Ndíxelele, unantoni na endlwini? Wathi, Umkhonzazana wakho akananto endlwini, kuphela ligubu leoli. 3Wathi, Hamba uye kuzibolekela izitya ngaphandle, kubamelwane bakho bonke, izitya ezizé; zingabi mbalwa; 4ungene, uzivalele wena noonyana bakho, uthululele kwezo zitya zonke, uzishenxise ezizeleyo.
5Wemka ke kuye, wazivalela, yena noonyana bakhe; bezisa kuye bona, wathulula yena. 6Kwathi, zakuzala izitya, wathi kunyana wakhe, Zisa esinye isitya kum. Wathi yena kuye, Akusekho sitya: yanqamka ke ioli. 7Waya waxelela umfo wakwaThixo; wathi yena, Hamba uye kuthengisa ngeoli leyo, uhlawule ityala lakho, uphile wena noonyana bakho ngeseleyo.
UElisha nomfazi waseShunem
8Kwathi ngamhla uthile, uElisha wagqithela eShunem, apho kwaye kukho intokazi elinonokazi; yamzama ukuba adle isonka. Ubesithi, xa agqithayo, aphambukele khona ukuba adle isonka. 9Yathi endodeni yayo, Ùyabona ke, ndiyaqonda ukuba lo mfo ùngcwele wakwaThixo úmana egqitha apha. 10Masenze eludongeni igunjana eliphezulu, simbekele khona isingqengqelo, netafile, nesihlalo, nesibane, angene khona akuphambukela kuthi.
11Kwathi ngamhla uthile waya khona, waphambukela egumbini elo liphezulu, walala khona. 12Wathi kuGehazi umfana wakwakhe, Biza lo mShunemekazi. 13Wambiza; wema phambi kwakhe. Wathi kuye, Khawuthi kuye, Uyabona, ùsinyamekele ngayo yonke le nyameko; unga ungenzelwa ntoni na ke? Unelizwi ongalenzelwayo na kukumkani, nokuba kukumthetheli-mkhosi? Wathi yena, Ndihleli phakathi kwabantu bakowethu. 14Wathi, Makenzelwe ntoni na? Wathi uGehazi, Inyaniso, akananyana; indoda yakhe yaluphele. 15Wathi, Mbize. Wambiza, wafika, wema emnyango. 16Wathi, Mayela neli xesha nyakenye ùya kusingatha unyana. Wathi yena, Musa, nkosi yam, mfo wakwaThixo, musa ukuthetha amanga kumkhonzazana wakho.
17Wamitha ke loo mfazi, wazala unyana ngelo xesha limisiweyo lanyakenye, abelithethile uElisha kuye.
18Wakhula umntwana, kwathi ngamhla uthile, waphuma waya kuyise, kubavuni. 19Wathi kuyise, Intloko yam, intloko yam! Wathi kumfana, Mthwale, umse kunina. 20Wamthwala, wamsa kunina; wahlala emathangeni akhe, kwada kwasemini enkulu, waqhawuka ke. 21Wenyuka, wamlalisa esingqengqelweni somfo wakwaThixo, wamvalela, waphuma.
22Wabiza indoda yakhe, wathi, Khawundithumele omnye wakubafana, nenye yeemazi zamaesile, khe ndithi gxada, ndiye kumfo wakwaThixo, ndibuye ndibuye. 23Wathi yena, Yini na ukuba uhambe uye kuye namhla? Àkuthwase nyanga, àsiyisabatha. Wathi yena, Kulungile. 24Wayibopha imazi ye-esile, wathi kumfana lowo, Qhuba uhambe, musa ukuzibambezela ekukhweleni ngenxa yam, ndigatshonga kuwe. 25Wahamba wada weza kumfo wakwaThixo entabeni yeKarmele.
Waza umfo wakwaThixo, akumbona esekude, wathi kuGehazi umfana, Nankuya laa mShunemekazi; 26khawugidime ngoku, umkhawulele, uthi kuye, Ùhleli kakule na? Ihleli kakuhle na indoda yakho? Úhleli kakuhle na umntwana? Wathi, Kusahleliwe kakuhle.
27Akufika kumfo wakwaThixo entabeni, wambamba ngeenyawo. Wasondela uGehazi ukuba amsunduze; wathi umfo wakwaThixo, Myeke, ngokuba umphefumlo wakhe ukrakra; uYehova undifihlele, àkandixelela. 28Wathi, Ndakha ndacela unyana yini na enkosini yam? Ndandingatshongo yini na ukuthi, Ùze ungandilahlekisi? 29Wathi kuGehazi, Bhinqa isinqe sakho, uphathe umsimelelo wam esandleni sakho, uhambe. Ukuba ùthe waqubisana nomntu, uze ungambulisi; ukuba úthe umntu wakubulisa, uze ungamphenduli; uze uwubeke umsimelelo wam phezu kobuso benkwenkwe leyo. 30Wathi unina wenkwenkwe, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Wesuka ke wamlandela.
31UGehazi wagqithela phambili kubo, wafika wawubeka umsimelelo phezu kobuso benkwenkwe; akwabakho lizwi, akwabakho kushukuma. Wabuya waya kumkhawulela, wamxelela, wathi, Inkwenkwe ayivukanga.
32Wafika uElisha endlwini; nantso inkwenkwe ifile, ilele esingqengqelweni sakhe. 33Wangena, waluvala ucango, bebobabini; wathandaza kuYehova. 34Wenyuka, walala phezu komntwana lowo, wabeka umlomo wakhe phezu komlomo wakhe, amehlo akhe phezu kwamehlo akhe, izandla zakhe phezu kwezandla zakhe, wazolula phezu kwakhe; yafudumala inyama yomntwana. 35Wabuya, wahamba endlwini, wasinga ngapha kwakanye, wasinga ngapha kwakanye, wenyuka wazolula phezu kwakhe. Yathimla inkwenkwe izihlandlo ezisixhenxe, yawavula inkwenkwe amehlo ayo. 36Wabiza uGehazi, wathi, Biza laa mShunemekazi. Wambiza. Weza ke kuye, wathi, Mthabathe unyana wakho. 37Weza, waziphosa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye, wamthabatha unyana wakhe, waphuma.
Imimangaliso emibini kaElisha
38Ke kaloku uElisha wabuya, waya eGiligali. Kwakukho indlala elizweni; oonyana babaprofeti babehleli phambi kwakhe. Wathi kumfana lowo, Beka imbiza enkulu eziko, ubaphekele ukudla oonyana babaprofeti. 39Waphuma omnye, waya kufuna imifuno endle; wafumana uthangazana, wakha amathangazana kulo; yazala ingubo yakhe. Wafika, wawaxabelela embizeni yokupheka; ngokuba babengazwazi. 40Bawaphakela amadoda ukuba adle. Kwathi, xa akudlayo oko kudla, akhala wona, athi, Mfo wakwaThixo, kukho ukufa embizeni le. 41Akaba nako ukukudla. Wathi, Yizani nomgubo. Wawugalela embizeni, wathi, Baphakele abantu, badle; akwabakho nto imbi embizeni.
42Kwavela indoda eBhahali-shalisha, yamzisela umfo wakwaThixo ukudla okutsha: izonka zerhasi ezimashumi mabini, namakhweba engxoweni yakhe. 43Wathi, Nika abantu, badle. Wathi umlungiseleli wakhe, Ndothini na ukukubeka oku phambi kwekhulu lamadoda? Wathi, Nika abantu, badle; ngokuba útsho uYehova ukuthi, Baya kudla, bade bakushiye. 44Wabeka ke phambi kwabo; badla bakushiya, ngokwelizwi likaYehova.

Currently Selected:

OOKUMKANI II 4: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy