Uphawu lweYouVersion
IBhayibhileIzicwangcisoIividiyo
Fumana i-app
Isikhethi Solwimi
Khetha Uphawu

IINDUMISO 91:1-16

IINDUMISO 91:1-16 - Ohleli esitheni lOsenyangweni,
Azilalise emthunzini kaSomandla,
Úthi keYehova, Hlathi lam, Mboniselo yam,
Thixo wam, endikholose ngaye!
Ngokuba ngokwakhe uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli,
Endyikityeni yokufa eyeyelisayo.
Wókugubungela ngeentsiba zakhe,
Ùzimele phantsi kwamaphiko akhe.
Likhaka, yingweletshetshe inyaniso yakhe.

Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku,
Nalutolo lubaleka emini;
Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni,
Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu.
Kungawa iwaka ecaleni kwakho,
Isigidi ngasekunene kwakho,
Kodwa kungasondeli nto kuwe.

Wòkhangela ngamehlo akho odwa,
Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo.
Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam.
Ùmenze Osenyangweni ikhaya lakho.
Akuyi kuqubisana bubi nawe.
Kungafiki sibetho ententeni yakho.
Ngokuba izithunywa zakhe úziwisele umthetho ngawe,
Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke.
Zokuthwala wena ngezandla zozibini,
Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.
Wònyathela phezu kwengonyama nephimpi,
Uyinyashe ingonyama entsha nenamba ngeenyawo.

Ngokuba enamathele kum, ndomsiza;
Ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam.
Wóndibiza, ndiphendule,
Ndoba naye embandezelweni;
Ndomhlangula, ndimzukise;
Ndimanelise ngemihla emide,
Ndimbonise ukusindisa kwam.

Ohleli esitheni lOsenyangweni, Azilalise emthunzini kaSomandla, Úthi keYehova, Hlathi lam, Mboniselo yam, Thixo wam, endikholose ngaye! Ngokuba ngokwakhe uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli, Endyikityeni yokufa eyeyelisayo. Wókugubungela ngeentsiba zakhe, Ùzimele phantsi kwamaphiko akhe. Likhaka, yingweletshetshe inyaniso yakhe. Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini; Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni, Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu. Kungawa iwaka ecaleni kwakho, Isigidi ngasekunene kwakho, Kodwa kungasondeli nto kuwe. Wòkhangela ngamehlo akho odwa, Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo. Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam. Ùmenze Osenyangweni ikhaya lakho. Akuyi kuqubisana bubi nawe. Kungafiki sibetho ententeni yakho. Ngokuba izithunywa zakhe úziwisele umthetho ngawe, Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke. Zokuthwala wena ngezandla zozibini, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni. Wònyathela phezu kwengonyama nephimpi, Uyinyashe ingonyama entsha nenamba ngeenyawo. Ngokuba enamathele kum, ndomsiza; Ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam. Wóndibiza, ndiphendule, Ndoba naye embandezelweni; Ndomhlangula, ndimzukise; Ndimanelise ngemihla emide, Ndimbonise ukusindisa kwam.

IINDUMISO 91:1-16

IINDUMISO 91:1-16
I-YouVersion

Inkuthazo nomceli mngeni wokufuna usondelelwano noThixo, yonke imihla.

Inkonzo

Malunga

Imisebenzi

Volontiya

Ibhlogi

Cinezela

Amakhonco aluncedo

Uncedo

Nikela

Iinguqulelo zeBhayibhile

IiBhayibhile ezirekhodiweyo

Iilwimi zeBhayibhile

Ivesi yoLusuku


Inkonzo edijithali ka

Life.Church
English (US)

©2025 Life.Church / YouVersion

Umgaqo-Nkqubo WezabucalaImigaqo
Isibhengezo zokubasemngciphekweni
uFacebookTwitterInstagramYouTubePinterest

Ekuqaleni

IBhayibhile

Izicwangciso

Iividiyo