IINDUMISO 24:1-4

LelikaYehova ihlabathi nenzaliseko yalo, Elimiweyo, nabahleli kulo; Ngokuba yena waliseka phezu kweelwandle, Walizinzisa phezu kwemilambo. Ngubani na onokunyuka aye entabeni kaYehova? Ngubani na onokuma endaweni yakhe engcwele? Ngozandla zimsulwa, ontliziyo inyulu, Ongawuphakamiseli kwinkohlakalo umphefumlo wakhe, Ongafungiyo ngenkohliso.
IINDUMISO 24:1-4