Uphawu lweYouVersion
IBhayibhileIzicwangcisoIividiyo
Fumana i-app
Isikhethi Solwimi
Khetha Uphawu

UISAYA 9:1-7

UISAYA 9:1-7 - Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga.• Abantu abo bàhamba emnyameni baboné ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezéle phezu kwabo. Ùyalwandisa uhlanga, ulukhulisela uvuyo; bayavuya phambi kwakho, njengokuvuya kwexa lokuvuna, njengokuvuyelela kwabo ekwabeni kwabo amaxhoba.
Kuba idyokhwe yomthwalo wabo noswazi lwamagxa abo, intonga yomqhubi wabo, ùyaphule njengemini yakwaMidiyan. Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo.
Ngokuba sizalélwe umntwana, sinikwé unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumìswe buxhàswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.

Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga.• Abantu abo bàhamba emnyameni baboné ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezéle phezu kwabo. Ùyalwandisa uhlanga, ulukhulisela uvuyo; bayavuya phambi kwakho, njengokuvuya kwexa lokuvuna, njengokuvuyelela kwabo ekwabeni kwabo amaxhoba. Kuba idyokhwe yomthwalo wabo noswazi lwamagxa abo, intonga yomqhubi wabo, ùyaphule njengemini yakwaMidiyan. Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo. Ngokuba sizalélwe umntwana, sinikwé unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumìswe buxhàswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.

UISAYA 9:1-7

UISAYA 9:1-7
I-YouVersion

Inkuthazo nomceli mngeni wokufuna usondelelwano noThixo, yonke imihla.

Inkonzo

Malunga

Imisebenzi

Volontiya

Ibhlogi

Cinezela

Amakhonco aluncedo

Uncedo

Nikela

Iinguqulelo zeBhayibhile

IiBhayibhile ezirekhodiweyo

Iilwimi zeBhayibhile

Ivesi yoLusuku


Inkonzo edijithali ka

Life.Church
English (US)

©2025 Life.Church / YouVersion

Umgaqo-Nkqubo WezabucalaImigaqo
Isibhengezo zokubasemngciphekweni
uFacebookTwitterInstagramYouTubePinterest

Ekuqaleni

IBhayibhile

Izicwangciso

Iividiyo