UZEKARIYA 3:6-7
UZEKARIYA 3:6-7 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Isithunywa sikaYehova saqononondisa kuYoshuwa, sathi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ukuba uthe wasigcina isigxina sam, wòyilawula wena indlu yam, wòzigcina neentendelezo zam, ndikunike ukuhamba phakathi kwaba bemiyo apha.
UZEKARIYA 3:6-7 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo samthembisa sathi: “UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo yam, indlu yam iya kulawulwa nguwe, ngokunjalo neenkundla zam zibe phantsi kwakho; kananjalo ke nawe uya kuba nendawo phakathi kwaba bemi apha.
UZEKARIYA 3:6-7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ingelosi kaYehova yamkhalimela uYoshuwa, isithi: Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba nithe nahamba ngeendlela zam, nayigcina imithetho yam, nayigweba indlu yam, nazigcina iintendelezo zam, ndoninika izihlalo, ninyathele kuzo.
UZEKARIYA 3:6-7 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Yaza ingelosi KAYEHOVA yanqi̔nisa ku‐Yoshuwa, isiti: Utsho UYEHOVA wemikosi ukuti: Ukuba uya kuhamba ezindleleni zam, nokuba uya kugcina isigcinelo sam, uya kwandula ugwebe indlu yam, namabala am uwagcine; ndandiya kukunika abakokeli pakati kwaba abemiyo apa.