URUTE 3:9-10
URUTE 3:9-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yathi, Ùngubani? Wathi, NdinguRute, umkhonzazana wakho; twabulula isondo lengubo yakho phezu komkhonzazana wakho, ngokuba ungumkhululi wena. Yathi, Ùsikelelwe nguYehova, ntombi yam. Inceba yakho yamva nje ingaphezu kweyokuqala, ungalandelanga madodana nje, nokuba ngasweleyo nokuba nganobutyebi.
URUTE 3:9-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wambuza wathi: “Ungubani?” Waphendula yena wathi: “Ndim, mhlekazi, uRute isicakakazi sakho. Ndikhusele phantsi kwamaphiko akho. Kaloku wena usisizalwane esijonge kuso njengomkhululi.” “*UNdikhoyo makakuthamsanqelise, ntombi yam,” watsho uBhowazi. “Ubonakalisa intembeko engaphezulu kuleya yangaphambili. Akuzifunelanga umyeni osemtsha – nokuba ngosisityebi, nokuba ngongesiso.
URUTE 3:9-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi, Ungubani na? Wathi, NdinguRute, umkhonzazana wakho; Yandlala ingubo yakho phezu komkhonzazana wakho; ngokuba ezalamana naye. Wathi, Makasikelelwe nguYehova, ntombi yam, ngenxa enokuba wayenzela imfesane yakho ekupheleni, ngaphezu kweyokuqala, ngenxa yokuba ungalandelanga madodana nje, nokuba ngasweleyo nokuba butyebi.
URUTE 3:9-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Yasuka yati: Ungubanina wena? Wayesiti: Ndingu‐Rute isicakakazi sako; uze wandlale isondo lengubo yako pezu kwesicakakazi sako, ngokuba wena unguye umkululi. Yaza yati kuye: Mautanyusanqelwe NGUYEHOVA, ntombi yam! ububele bako bokupela ubulungisile pezu kwobokuqala, ekubeni ungawalandelanga amadodana, nokuba angamahlwempu nokuba azityebi.