URUTE 1:7-8
URUTE 1:7-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waphuma kuloo ndawo abekuyo, enoomolokazana bakhe bobabini; wahamba ngendlela ebuyela ezweni lakwaYuda. Wathi uNahomi koomolokazana bakhe bobabini, Hambani, nibuyele elowo endlwini yonina; uYehova makanenzele inceba, njengoko nenze ngako kubafi nakum.
URUTE 1:7-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wayishiya loo ndawo wayehlala kuyo, wanduluka kunye noomolokazana bakhe, wangena endleleni esinga kwilizwe lakwaJuda. Wavakala esithi uNawomi koomolokazana bakhe: “Buyelani kumakhaya enu. Ubenga uNdikhoyo anganenzela izibele njengoko benisenza kum nakwabo basishiyileyo.
URUTE 1:7-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waphuma kuloo ndawo abekuyo, enoomolokazana bakhe bobabini; yaye bagqiba kwelokuba babuyele kwilizwe lakwaYuda. Wathi uNahomi koomolokazana bakhe bobabini, Buyani, aye elowo endlwini yonina; uYehova makanenzele okulungileyo nina, njengoko nenze ngako kum nakwabafileyo.
URUTE 1:7-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngako wapuma endaweni apo abehleli kona, nomolokazana bake bobabini kunye naye. Baza bahamba endleleni ukuya kubuyela ezweni lakwa‐Juda. Wandula wati u‐Nahomi kubo omolokazana bake bobabini: Hambani, nibuye niye omnye ngomnye endlwini kanyoko: wanga UYEHOVA anganenzela ububele, njengokuba nenzele abafileyo nam