URUTE 1:1-5
URUTE 1:1-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku kwathi ngemihla yokulawula kwabagwebi, kwabakho indlala elizweni. Yahamba indoda yaseBhetelehem yakwaYuda, yaza yaphambukela elizweni lakwaMowabhi, yona nomkayo, noonyana bayo bobabini. Ke igama laloo ndoda lalinguElimeleki, igama lomkayo linguNahomi; amagama oonyana bayo babengooMalon noKiliyon, bengamaEfrata aseBhetelehem yakwaYuda. Baya ke elizweni lakwaMowabhi, baba khona. Wafa uElimeleki indoda kaNahomi; washiywa ke yena noonyana bakhe bobabini. Bazeka abafazi abangamaMowabhikazi; igama lomnye lalinguOrpa, igama lomnye lalinguRute; bahlala khona iminyaka eseshumini. Bafa kananjalo bobabini ooMalon noKiliyon; washiywa ke loo mfazi ngoonyana bakhe bobabini nayindoda yakhe.
URUTE 1:1-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngexesha leenkokheli kwabakho indlala enkulu elizweni. Kwasuka mfo uthile waseBhetelehem kwaJuda, waphambukela eMowabhi kunye nomkakhe noonyana bakhe ababini. Igama lale ndoda lalinguElimeleki; elomkakhe lalinguNawomi, oonyana benguMalon noKiliyon. BabengamaEfrayim awayemi eBhetelehem kwaJuda, baza baya kuma elizweni laseMowabhi. Waza ke uElimeleki indoda kaNawomi wasweleka, uNawomi wasala noonyana bakhe bobabini, ababetshathe iintombi zamaMowabhi. Inkulu yayizeke uOrpa, inci izeke uRute. Bahlala khona iminyaka emalunga neshumi, basweleka nabo ooMalon noKiliyon, wasala uNawomi engumhlolokazi engasenandoda nanyana.
URUTE 1:1-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngexesha labagwebi kwabakho indlala ehlabathini. Yahamba indoda yaseBhetelehem yakwaYuda, yaya ezweni lakwaMowabhi, yona nomkayo, noonyana bayo ababini. Igama lale ndoda lalinguElimeleki, igama lomkayo lalinguNahomi, amagama oonyana bayo babengooMahalon noKiliyon bakumaEfrata aseBhetelehem yakwaYuda. Bafika ke elizweni lakwaMowabhi, bema khona. Wafa uElimeleki indoda kaNahomi; wasala noonyana bakhe bobabini. Bazeka abafazi kubafazi bakwaMowabhi; igama lomnye belinguOrpa, igama lomnye belinguRute; bahlala khona iminyaka emalunga neshumi. Bafa kananjalo bobabini ooMalon noKiliyon; Wasala loo mfazi noonyana bakhe bobabini nendoda yakhe.
URUTE 1:1-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWAYE kute emihleni bagwebayo abagwebi, kwabekuko indlala elizweni. Yaza yahamba indoda yase‐Beteleheme‐juda ukuya kupambukela ezweni le‐Mowabi, yona, nomfazi wayo, nonyana bayo bobabini. Igama lalondoda belingu‐Elimeleki, negama lomfazi wayo ngu‐Nahomi, namagama onyana bayo bobabini ngu‐Mahalone no‐Kiliyone, ama‐Eferata ase‐Beteleheme‐juda. Bada bafika ezweni le‐Mowabi, bahlala kona. Kekaloku wafa u‐Elimeleki indoda ka‐Nahomi; washiywa ke nonyana bake bobabini. Baza bazeka abafazi abangama‐Mowabikazi; igama lomnye ngu‐Oripa, negama lomnye ngu‐Rute: bahlala kona langa lalishumi leminyaka. Bada bafa u‐Mahalone no‐Kiliyone nabo bobabini; waza umfazi lowo washiywa ngonyana bake bobabini nayindoda yake.