KWABASEROMA 5:5-11
KWABASEROMA 5:5-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo. Kuba uKristu uthe, sakubon' ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo. Kuba kungángenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo; ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon' ukuba sisengaboni, uKristu asifele. Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo. Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, síxolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe. Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje uxolelaniso olo.

KWABASEROMA 5:5-11 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo. Kuba kaloku oko besisengama-athalala, uKrestu uthe ngexesha elimiswe nguThixo, wabafela abangamhloneliyo uThixo. Inqabile into yokuba umntu afele omnye, naxa mhlawumbi anokubhaqeka umntu onesibindi sokufela umntu olungileyo. Ke yena uThixo ukuqondakalisile ukusithanda kwakhe ngokuthi uKrestu asifele sisengaboni! Sigwetyelwe nje ngenxa yegazi lakhe, kokukhona siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo kaThixo. Kaloku besikade siziintshaba noThixo, saxolelaniswa naye ngokufa koNyana wakhe. Kobeka phi ke ukusindiswa kwethu ngokudla kwakhe ubomi! Ngaphezu koko ke, sineqhayiya novuyo ngaye uThixo, ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu, esithe ngayo saxolelaniswa noThixo.
KWABASEROMA 5:5-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ithemba alidanisi; ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo. Kuba uKristu uthe, sakuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo. Kuba kungangenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo; Ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele. Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo. Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, sixolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe. Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje ucamagushelo.
KWABASEROMA 5:5-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
liti ke itemba lingadanisi, ngokokuba utando LUKATIXO lugalelwe ezintliziyweni zetu NGUMOYA OYINGCWELE owanikwa kuti. Ngokuba u‐Kristu, nxa sibe sisaswele amandla tina, ngexesha elifanelekileyo wafela abangabedeshiyo. Ngokuba cebetshu kukohlwa kubako oya kufela olungileyo: noko kungati umhlaumbi kuko okwa nokukalipa ukufela lowo obubele. Kodwa UTIXO uyabonakalisa olwake utando ngakuti, ngokokuba, nxa sibe sisengaboni tina, u‐Kristu wasifela. Siya kuti kakulu ngakumbi ngoko, sigwetyelwe nje kaloku ngegazi lake, sisindiswe ngaye emsindweni ozayo. Ngokuba, sizintshaba nje, ukuba saxoliswana NOTIXO ngako ukufa kwonyana wake, siya kuti kakulu ngakumbi, sixoliswene nje, sisindiswe ngobomi bake. Kungenjalo ke kodwa, koko kanjako sivuyelela KUTIXO ngayo INKOSI yetu u‐Yesu Kristu, esite ngayo kaloku samkela uxoliswano.