KWABASEROMA 12:3
KWABASEROMA 12:3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abelé ulowo nalowo umlinganiso wokholo.
KWABASEROMA 12:3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo.
KWABASEROMA 12:3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako; mabacinge ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo umlinganiso wokholo.
KWABASEROMA 12:3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba ndisiti, ngalo ufefe endanikwa lona, kubo bonke abakoyo pakati kwenu, mabangakumbuli ngokupezulu koko bafanele ukukumbula ngako, koko mabakumbule ngokutelekelela, njengokuba UTIXO wabele abanye ngabanye isilinganiselwa sokolo.