ISITYHILELO 4:3 - Compare All Versions
ISITYHILELO 4:3 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waye lowo uhleliyo, ukubonakala kwakhe, efana nelitye leyaspisi• nelesardiyo;• waye umnyàma wenzé isangqa etroneni apho, ufana nelesmarado• ukubonakala kwawo.
Yabelana
ISITYHILELO 4 XHO75ISITYHILELO 4:3 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakuhleli kuso ingangalala ekhazimla okwamatye exabiso, akudidi loozidayimani ngokumenyezela, ekuthiwa yijaspa nekorneli ukubizwa kwawo. Isihlalo eso sasinesangqa somnyama owawubengezela nawo oku kwelitye lexabiso eliluhlaza ekuthiwa yiemeraldi ukubizwa kwalo.
Yabelana
ISITYHILELO 4 XHO96ISITYHILELO 4:3 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Lowo uhleliyo, ukubonakala kwakhe, efana nelitye leyaspisi nelesardiyo, waye umnyama wenze isangqa etroneni apho, ufana nelesmarado ukubonakala kwawo.
Yabelana
ISITYHILELO 4 CXB24ISITYHILELO 4:3 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lowo ke obehleli ukubonakala kwake ebefana nelitye lejasipidi nelerubi: kwaye kuko nomnyama ungqonga iterone leyo, ufana nelitye lesamagide ukubonakala kwawo.
Yabelana
ISITYHILELO 4 XHO1902A