Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ISITYHILELO 4:1-11

ISITYHILELO 4:1-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Emva koko ndabona, nango umnyango uvulekile emazulwini; ilizwi lokuqala endalivayo lalingathi lelexilongo, lithetha nam; elathi, Nyukela apha, ndokubonisa izinto ezimele ukubakho emva kwezi. Kwangoko ndaba kuMoya; nanko kumi itrone emazulwini, kukho ohleli phezu kwetrone. Lowo uhleliyo, ukubonakala kwakhe, efana nelitye leyaspisi nelesardiyo, waye umnyama wenze isangqa etroneni apho, ufana nelesmarado ukubonakala kwawo. Kwaye kwenze isangqa etroneni apho iitrone ezimashumi mabini anesine; benezithsaba zegolide entloko. Nasetroneni apho kuphuma imibane, neendudumo, nezandi; kuvutha izibane zomlilo ezisixhenxe phambi kwetrone, ezingabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo. Phambi kwetrone kukho ulwandle lwegilasi, lufana nomkhenkce. Esazulwini setrone apho, nasesangqeni setrone, kukho izinto eziphilileyo ezine, zizele ngamehlo ngaphambili nangasemva. Eyokuqala into ephilileyo ifana nengonyama; eyesibini into ephilileyo ifana nethole; eyesithathu into ephilileyo inobuso obungathi bobomntu; eyesine into ephilileyo ifana nokhozi luphaphazela. Zaye zone izinto eziphilileyo ezo, iyileyo naleyo, zinamaphiko ngamathandathu ngeenxa zonke; zizele ngamehlo ngaphakathi, zingaphumli imini nobusuku, zisithi, Ingcwele, ingcwele, ingcwele, iNkosi uThixo uSomandla, leyo yayikho, ikhoyo, izayo. Xa la marhamncwa anika uzuko nembeko nombulelo kulowo uhleli phezu kwetrone, odla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amadoda amakhulu amashumi mabini anamane, awa phambi kwalowo uhleli etroneni, amnqula lowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, eziphose izithsaba zawo phambi kwetrone, esithi, Ufanele, Nkosi yam, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla, ngokuba inguwe owadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.

ISITYHILELO 4:1-11 IBHAYIBHILE (XHO96)

Emva koko ndabona izulu livulekile phambi kwam. Ndeva eliya lizwi bendilive lithetha nam, lihlokoma okwexilongo lisithi kum: “Yiza ngapha ndikubonise izinto ezimelwe kukwenzeka emva kwezi.” Ngoko nangoko ndaba semandleni kaMoya. Ndabona apho ezulwini kukho isihlalo sobukhosi. Kwakuhleli kuso ingangalala ekhazimla okwamatye exabiso, akudidi loozidayimani ngokumenyezela, ekuthiwa yijaspa nekorneli ukubizwa kwawo. Isihlalo eso sasinesangqa somnyama owawubengezela nawo oku kwelitye lexabiso eliluhlaza ekuthiwa yiemeraldi ukubizwa kwalo. Kwakukho nezinye izihlalo zithe thande, zingqonge isihlalo sobukhosi, zingamashumi mabini anesine; kukho namadoda amakhulu angamashumi mabini anesine awayethe nqwadalala kwezo zihlalo. Ayethe wambu ezimhlophe iingubo, ethwele izithsaba zegolide. Apho esihlalweni sobukhosi kwakutshawuza imibane, kugragrama iindudumo. Kwakukho nezibane ezisixhenxe ezivuthayo phambi kwaso, ezingooMoya abasixhenxe bakaThixo. Kwakukho nento eyayingathi lulwandle lweglasi, ithe thebelele apho ngasesihlalweni, icwenge ngathi ngumkhenkce. Esazulwini apho, kanye ngasesihlalweni, kwakuhleli izilwanyana ezine zinamehlo macala onke, zingqonge isihlalo eso kanye. Isilwanyana sokuqala sasifana nengonyama. Esesibini sasinjengenkomo. Esesithathu sasifana nomntu, esesine sinjengokhozi luphaphazela. Isilwanyana ngasinye sasinamaphiko amathandathu, sinamehlo ngapha nangapha. Zazidumisa zingayeki emini nasebusuku, zisithi: “Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele, Nkosi Thixo Somandla, wena ubukade ukho, wena ukhoyo, uya kuhlala ukho!” Lo gama izilwanyana ezine zibongayo, zidumisa, zibulela kulowo unguSonini-nanini uhleli esihlalweni sokulawula, wona amadoda amakhulu angamashumi amabini anesine ayekhahlela, enqula kulowo uhleli esihlalweni, unguSonini-nanini. Ayedanduluka, atsho azibeke nezithsaba zawo phambi kwengangalala, athi: “Ufanelwe, Nkosi, Thixo, ngumbongo; imbeko negunya zezakho! Kaloku iinto zonke zadalwa nguwe; zabakho, zanobomi ngokuthanda kwakho.”

ISITYHILELO 4:1-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Emva koko ndabona, nango umnyango uvulekile emazulwini; ilizwi lokuqala endalivayo lalinjengexilongo, lithetha nam, lisithi, Nyukela apha, ndokubonisa izinto ezimele ukubakho emva kwezi. Ndithe kwaoko ke ndaba kuMoya; nanko kumi itrone emazulwini, phezu kwetrone kukho ohleliyo. Waye lowo uhleliyo, ukubonakala kwakhe, efana nelitye leyaspisi• nelesardiyo;• waye umnyàma wenzé isangqa etroneni apho, ufana nelesmarado• ukubonakala kwawo. Kwaye kwenzé isangqa etroneni apho iitrone ezimashumi mabini anané; phezu kweetrone ezo ndabona amadoda amakhulu amashumi mabini anamané, ehleli, ethiwe wambu ngeengubo ezimhlophe, enezithsaba zegolide entloko. Nasetroneni apho kuphuma imibane, neendudumo, nezandi; kuvutha izibane zomlilo ezisixhenxe phambi kwetrone, ezingabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo. Phambi kwetrone kukho ulwandle lwegilasi, lufana nomkhenkce. Esazulwini setrone apho, nasesangqeni setrone, kukho izinto eziphilileyo eziné, zizele ngamehlo ngaphambili nangasemva. Eyokuqala into ephilileyo ifana nengonyama; eyesibini into ephilileyo ifana nethole; eyesithathu into ephilileyo inobuso obungathi bobomntu; eyesiné into ephilileyo ifana nokhozi luphaphazela. Zaye zoné izinto eziphilileyo ezo, iyileyo naleyo, zinamaphiko ngamathandathu ngeenxa zonke, nangaphakathi zizele ngamehlo; zingaphumli imini nobusuku, zisithi: Ingcwele, ingcwele, ingcwele INkosi uThixo uSomandla, Leyo yayikho, ikhoyo, izayo. Xa zithi izinto eziphilileyo zibè zimnika uzuko nembeko nombulelo lowo uhleli etroneni, lowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, asuka awe amadoda amakhulu, amashumi mabini anamané, phambi kwalowo uhleli etroneni, aqubude kulowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, aphose izithsaba zawo phambi kwetrone, esithi: Ùfanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla; Ngokuba inguwe owadala zonke izinto, Nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.

ISITYHILELO 4:1-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

EMVENI kwoku ndabona, kekaloku bona ke, bekuko ucango luvulekile ezulwini, nelizwi lokuqala, elo ndalivayo njengelexilongo liteta nam, lisiti: Nyukela apa, ndandiya kukubonisa izinto ezifanele ukubako emveni kwezi. Ndasendisiti kwa oko ndaba KUMOYA: kekaloku bona ke, iterone ibimi ezulwini, napezu kweterone leyo bekuko omnye ehleli. Lowo ke obehleli ukubonakala kwake ebefana nelitye lejasipidi nelerubi: kwaye kuko nomnyama ungqonga iterone leyo, ufana nelitye lesamagide ukubonakala kwawo. Kanjalo bekuko zingqonga iterone leyo ezinye iterone zimashumi mabini anane: napezu kweterone ezo ndabona abadala abamashumi mabini anabane behleli, bezambete izivato ezimhlope; baye benazo ezintlokweni zabo izitsaba zegolide. Nakuyo iterone leyo kupuma imibane, nendudumo, namazwi: kanjalo bekuko izibane zomlilo zisixe̔nxe zivuta pambi kweterone leyo, ezingabo omoya bosixe̔nxe BAKATIXO. Kwaye kuko kanjako pambi kweterone leyo ulwandle oluyiglasiṙa, lufana nekrisitale: napakati kwayo iterone, nangento eyingqongayo iterone, bekuko izidalwa ezipilileyo ezine zizele ngamehlo ngapambili nangasemva. Esokuqala isi dalwa esipilileyo besifana nengonyama; esesibini isidalwa esipilileyo besifana netole lenkomo; esesitatu isidalwa esipilileyo sibe sinobuso baso njengomntu; esesine isidalwa esipilileyo besifana noko̔zi lubaleka. Kanjalo izidalwa ezipilileyo zozine, zonke ngazinye, zibe zinamapiko amatandatu ezinye ngezinye ngokungqonga, zizele ngamehlo pakati, zingenakupumla nasemini nasebusuku, zisiti: Ingcwele, ingcwele, ingcwele INKOSI e NGUTIXO engusomandla, ebiko, ekoyo, ezayo. Naxeshekweni ezozidalwa ezipilileyo zinikela udumo, nembeko, nombulelo, kulowo uhleli pezu kweterone leyo, kulowo upilileyo kude kube ngunapakade kanapakade, bati abadala bomashumi mabini anabane bawe pambi kwalowo uhleli pezu kwayo iterone, babedeshe lowo upilileyo kude kube ngunapakade kanapakade, bapose izitsaba zabo pambi kwayo iterone, besiti: Ufanele, NKOSI! ukwamkela udumo, nembeko, namandla: ngokuba wena uzidalile izinto zonke ezikoyo ngenxa yentando yako, ezazidalelwe yona kanjalo.