IINDUMISO 5:1-3
IINDUMISO 5:1-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wabekele indlebe amazwi am, Yehova, Kúqonde ukucamanga kwam. Libázele indlebe izwi lokuzibika kwam, Kumkani wam, Thixo wam; Ngokuba ndithandaza kuwe. Yehova, ùya kuliva izwi lam kwakusasa, Kwakusasa ndiya kuwusingisa kuwe umthandazo wam, ndibonisele.
IINDUMISO 5:1-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Khawuwabekel' iindlebe amazwi am, *Ndikhoyo, usigqale isingqala sam. Kuve ukukhala kwam, kumkani wam, Thixo wam, xa ndithandazayo kuwe. Uyawuva umthandazo wam, Ndikhoyo, kwakusasa: kwakusasa ndizibika kuwe, ndilinde impendulo.
IINDUMISO 5:1-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kumvumi kaNehiloti, Ingoma kaDavide. Live ilizwi lokuzibika kwam, Nkosi yam, Thixo wam, ngokuba ndithandaza kuwe. Yehova, uya kuliva izwi lam kwakusasa; kusasa ndiya kuwubhekisa kuwe umthandazo wam, ndibheke phezulu.
IINDUMISO 5:1-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
YEHOVA! wanikele indlebe amazwi am, ugqale ukucinga kwam. Pulapula ilizwi lokubongoza kwam, Kumkani wam, NOTIXO wam! ngokuba ndiya kutandaza kuwe. Ilizwi lam uya kuliva kusasa, YEHOVA! kwa kusasa ndolibekisa kuwe, ndikangele pezulu.