IINDUMISO 27:1-14
IINDUMISO 27:1-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
NguYehova umkhanyiseli wam nomsindisi wam, ndiya koyika bani na? NguYehova inqaba yobomi bam, ndiya kunkwantya ngabani na? Bakusondela kum abenzi bobubi ukuba badle inyama yam, Bakuza ababandezeli bam neentshaba zam kum, bákhubeka bawa bona. Bendingafanelana ndirhawulwe ngumkhosi isuka ingoyiki intliziyo yam; Bendingafanelana ndiphakanyelwe yimfazwe, ndisuka ndithembe noko. Ndicelé nto-nye kuYehova, ndifuna yona: Ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, Ndibòne ubuhle bukaYehova, ndiphicothe etempileni yakhe. Ngokuba úndigusha emnqubeni wakhe ngemini yobubi, Undisithelisa esitheni lentente yakhe, Undimisa eweni. Ngoku ke iya kuphakama intloko yam phezu kweentshaba zam ezindijikelezayo, Ndibingelèle ententeni yakhe imibingelelo yokuduma, Ndivume, ndibethe uhadi kuYehova. Yiva, Yehova, ndakubiza ngezwi lam; Ndibabale, undiphendule. Intliziyo yam ithi kuwe, kweli ùthi, Funani ubuso bam, Ubuso bakho, Yehova, ndiya kubufuna. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum; Musa ukumgila umkhonzi wakho ngomsindo; Ùluncedo lwam, musa ukundilahla; Musa ukundishiya, Thixo ondisindisayo. Ngokuba ubawo noma bandishiyile, Wesuka uYehova wandichola. Ndíyalele, Yehova, indlela yakho, Ndíkhaphe emendweni othe tye, ngenxa yabandilaleleyo. Musa ukundinikela elitheni labandibandezelayo, Ngokuba ndiphakanyelwe ngamangqina axokayo, nabafutha ukugonyamela. Ndinge ndiphelelwe, koko bendikholwa kukuba ndokubona ukulunga kukaYehova Ezweni lobu bomi. Thembela kuYehova; Yomelela, ikhaliphe intliziyo yakho, Uthembele kuYehova.
IINDUMISO 27:1-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
*InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo, inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni? InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani? Xa bendidlavula abantw' abakhohlakeleyo, iintshaba zam nabandileqayo, kokhubeka kwabona, bawe. Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi, andiyi kuba naluvalo konke. Nokuba ndirhawulwe yimfazwe, ndiya kuthembela ngoNdikhoyo. Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo, ndaye ndifuna yona kanye: le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam, ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe. Kaloku wondikhusela enqabeni yakhe ngexesha lobubi, andifihle engontsini endlwini yakhe, ndithi ngcu phezulu eliweni. Ngoko ke ndiya kuzikrobela iintshaba ezindingqongileyo, ndinikele uNdikhoyo idini endlwini yakhe, ndinemivuyo ndicula, ndivumela uNdikhoyo. Ndive, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe; yiba nenceba kum, undiphulaphule. Kweli wena uthi: “Funani ubuso bam,” intliziyo yam yathi: “Ewe, ndiyafuna ukukubona, Ndikhoyo.” Mus' ukuzifihla kum, Ndikhoyo, ungasilahli ngomsindo isicaka sakho. Wena mncedi wam, mus' ukundilahla; uzungandishiyi, Thixo wam, Mkhululi wam. Xa ndilahlwe ngubawo noma, wondichola yena uNdikhoyo. Ndifundise indlela yakho, Ndikhoyo, undikhokele endleleni elungileyo, kuba zininzi iintshaba zam. Uzungandiyekeli kwabandivukelayo, kuba andivukele amangqina obuxoki, afutha ukundenzakalisa. Ngenene ndobuxhamla kambe ububele bukaNdikhoyo lo gama ndisadla amazimba. Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi! Ewe, thembela kuNdikhoyo wena!
IINDUMISO 27:1-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
(Indumiso kaDavide.) uYehova kukukhanya kwam nomsindisi wam; ndiya koyika bani na? NguYehova inqaba yobomi bam; Ndizakoyika bani? Beza kum abangendawo, neentshaba zam, neentshaba zam, ukuba badle inyama yam, bakhubeka bawa bona; Nokuba ithe yandivingca intendelezo, isuka ingoyiki intliziyo yam; nokuba ndithe ndavuka ndaya emfazweni, ndokholosa ngalo. Ndicele nto-nye kuYehova, ndifuna yona; ukuze ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, ukuze ndibubone ubuqaqawuli bukaYehova, ndihlale etempileni yakhe. Ngokuba wondigusha ententeni yakhe ngexesha lobubi; Undigusha apho esithebeni intente yakhe; Uya kundibeka eweni. Kwaye ngoku, intloko yam iya kuphakama phezu kweentshaba zam ezindirhawulayo; ke ngoko ndiya kunikela imibingelelo yovuyo ententeni yakhe; Ndiyakuthanda ukucula, ewe, ndiyakuthanda ukuculela uzuko lukaYehova. Ndibazele indlebe, Yehova, ndakubiza ngezwi lam; ndibabale, undiphendule. Xa nithi, Funani ubuso bam; Intliziyo yam yathi kuwe, Ndiya kubufuna ubuso bakho, Yehova. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum; Musa ukumgxotha umkhonzi wakho ngomsindo; Uluncedo kum; Musa ukundishiya, Thixo ondisindisayo; Ukuba ubawo noma bandishiyile, Wondithabatha uYehova; Ndifundise indlela yakho, Yehova, Ndikhaphe emendweni othe tye, ngenxa yabandilaleleyo. Musa ukundinikela elitheni leentshaba zam; ngokuba ndiphakanyelwe ngamangqina obuxoki, nabantu abafutha ubutshinga. Ndandidiniwe, andizange ndikholelwe ukuba ndingakubona ukulunga kukaYehova kwihlabathi labo bakuvayo. Kholosa ngoYehova, yiba nesibindi, woyiqinisa intliziyo yakho; Ndithi, lindela kuYehova.
IINDUMISO 27:1-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UYEHOVA ulukanyo lwam nosindiso lwam, ndiya kwoyika banina? UYEHOVA ungamandla obomi bam, ndiya kungcangcazela ngobanina? Bati abenzi bokungalungileyo bakusondela ngakum, ukuza kudla inyama yam, kwa abayimpi kum, nabazintshaba zam, baku̔beka bawa. Nakuba umkosi ubuya kundivimbela, intliziyo yam ayisayi kwoyika; nakuba imfazwe ibiya kundivukela, senditembela koku. Inye into endicelileyo KUYEHOVA, eyona ndiya kuyifuna: ukuba mandihlale endlwini KAYEHOVA yonke imihla yokudla kwam ubomi; ndize ndikangele ubuhle BUKAYEHOVA, ndibuze nokubuza etempileni yake. Ngokuba eya kundizimeza etabanakeleni yake ngomhla welishwa: wondifihlela endaweni efihlakeleyo yentente yake: wondimisa pezulu eweni. Kanjalo kaloku intloko yam yopakanyiswa pezulu pezu kwentshaba zam ezindingqongayo: ngako ndiya kubinga imibingo yomgcobo ententeni yake; ndovuma, ndocula nokucula, KUYEHOVA. Yiva ilizwi lam, ndakubiza, YEHOVA! ube nofefe kum, undipendule. Nxa ubusiti: Funani ubuso bam; intliziyo yam yati: Ubuso bako, YEHOVA! ndobufuna. Zungandifihleli ubuso bako; zungabebeti isicaka sako ngengqumbo: ubunguye umncedi wam; zungandilahli, zungandishiyi nokundishiya, TIXO wosindiswa lwam! Ngokuba ndishiyiwe ngubawo nanguma̔; kodwa UYEHOVA wondamkela. Ndifundise indlela yako, YEHOVA! undikokele ngendlela elungeleleneyo, ngenxa yabandihlolayo. Zungandinikeli ekukanukeni kwentshaba zam; ngokuba kuvuke ngakum amanqi̔na abuxoki, kwa nopefumla ubudlwengu. Ngendiba ndibubile, ukuba bendingakolwanga ukubona ukulunga KUKATIXO emhlabeni wabahleliyo. Kangela KUYEHOVA, ukalipe, waeya kuyomeleza intliziyo yako; ewe, kangela KUYEHOVA.