IINDUMISO 24:1-6
IINDUMISO 24:1-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
LelikaYehova ihlabathi nenzaliseko yalo, Elimiweyo, nabahleli kulo; Ngokuba yena waliseka phezu kweelwandle, Walizinzisa phezu kwemilambo. Ngubani na onokunyuka aye entabeni kaYehova? Ngubani na onokuma endaweni yakhe engcwele? Ngozandla zimsulwa, ontliziyo inyulu, Ongawuphakamiseli kwinkohlakalo umphefumlo wakhe, Ongafungiyo ngenkohliso. Úya kwamkela intsikelelo kuYehova, Nobulungisa kuThixo ongumsindisi wakhe. Siso eso isizukulwana sabamngxameleyo, Sababufunayo ubuso bakho, Thixo kaYakobi. (Phakamisani.)
IINDUMISO 24:1-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
*LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo; ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo. Walisekela phezu kweelwandle; walithi zinzi phezu kwayo imilambo. Ngubani onganyukayo aye entabeni kaNdikhoyo; ingubani oya kuthi gcobho endlwini yakhe? Ngulow' uzandla zimsulwa, untliziyo inyulu, lowo ungazinquliyo izintw' ezingento, low' ungafungiyo exoka. Uya kumthamsanqela uNdikhoyo, kuye kube chosi, kube hele, kuba nguThixo umkhululi wakhe. Sinjalo ke isizukulwana sabo bamfunayo, abo bafuna ukubona uThixo kaYakobi.
IINDUMISO 24:1-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
(Indumiso kaDavide.) LelikaYehova ihlabathi neento zonke ezikulo; ihlabathi abahlala kulo. Ngokuba waluseka ulwandle, Wayitywina imilambo; Ngubani na oya kunyuka aye entabeni kaYehova? Ngubani na onokuma engcweleni yakhe? Yezandla ezihlambulukileyo, nentliziyo ehlambulukileyo; Ongawuphakamiseli ilize umoya wakhe, Ongafungi ubuxoki. Uya kufumana intsikelelo kaYehova, nokusesikweni kuThixo wosindiso lwakhe. Siso esi isizukulwana sabakufunayo, abafuna ubuso bakho, Yakobi. Sela.
IINDUMISO 24:1-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UMHLABA ngo KAYEHOVA, nokuzala kwawo; ilizwe, nabahleli kulo. Ngokuba ewusekele pezu kwelwandle; wawuqinisela pezu kwemilambo. Ngubanina oya kunyukela entabeni KAYEHOVA? ngubanina oya kuma endaweni yake eyingcwele? Ozandla zimhlope, nontliziyo ingcwele; oti umpefumlo wake ungawupakamiselanga kokungendawo, nongafunganga ngenkohliso. Yena uya kwamkela itamsanqa KUYEHOVA, nobulungisa KUTIXO wosindiswa lwake. Esi sisizukulwana sabo bambuzelayo; sabo bafuna ubuso bako, Tixo ka‐Yakobi! Sela.