IINDUMISO 16:5-8
IINDUMISO 16:5-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
NguYehova isahlulo endasabelwáyo, nendebe endayabelwáyo; Ùlenzé banzi ilifa lam. Amacandelo andiwele ezindaweni ezimnandi; Hee! Ndide ndaba nelifa elihle. Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo; Nasebusuku ziyandithethisa izintso zam. Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke; Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa.
IINDUMISO 16:5-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nguwe kuphela, Ndikhoyo, inxaxheba endiyabelweyo; lisentendeni yesandla sakhw' ibango lam. Isabelo sam sisendaweni entle; hayi ukuba lihle kwalo ilifa lam! Mbongeni uNdikhoyo ngokuba endiphe icebo; nesazela sam siyandiluleka ebusuku. Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo; ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto.
IINDUMISO 16:5-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
NguYehova isahlulo selifa lam, nendebe yam; uyaligcina ikamva lam. Zibotshelelwe kum izintya zokulinganisa; ewe, ndinelifa elilungileyo. Ndiya kumbonga uYehova ondenzele injongo; Zindifundise izintso zam ebusuku. Ndimbeka phambi kwam uYehova ngamaxesha onke; Ngokuba ungasekunene kwam, andiyi kushukunyiswa.
IINDUMISO 16:5-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UYEHOVA usisabelwa sesahlulo sam, nesendebe yam: wena uyagcina iqashiswa lam. Intambo zokulinganisa ziwe kum ezindaweni ezimnandi; ewe, lilifa elihle elilelam. Ndiya kumbonga UYEHOVA, ondinika icebo: kanjalo izintso zam ziyandiluleka ngamaxesha asebusuku. UYEHOVA ndimbekile pambi kwam futi: engasekunene kum nje, andisayi kushukunyiswa.