IINDUMISO 119:65-80
IINDUMISO 119:65-80 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Umenzéle okulungileyo umkhonzi wakho, Yehova, ngokwelizwi lakho. Ndífundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo, Ngokuba ndikholwa yimithetho yakho. Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka; Kungoku ndiyigcinile intetho yakho. Ùlungile wena, ulungisa; Ndífundise imimiselo yakho. Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam; Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho. Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo; Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho. Kundilungele okokuba ndacinezelwayo, Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho. Ùlungile kum umyalelo womlomo wakho, Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere. Izandla zakho zindenzile, zandilungisa; Ndíqondise, ndifùnde imithetho yakho. Abakoyikayo bondibona, bavuye, Ngokuba ndilindele elizwini lakho. Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho; Ùndicinezèle, phofu ùthembekile. Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela, Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho. Mazize kum iimfesane zakho, ndiphile, Ngokuba umyalelo wakho undiyolisa. Mabadane abakhukhumali, ngokuba béndigobele phantsi ngobuxoki, Mna ndicamngca ngeziyalezo zakho. Mabandibuyele abakoyikayo, Nabazaziyo izingqiniso zakho. Mayigqibelele intliziyo yam emimiselweni yakho, Ukuze ndingadani.
IINDUMISO 119:65-80 IBHAYIBHILE (XHO96)
*Ndikhoyo, usazelelele isicaka sakho; wenze ngokwesithembiso sakho. Ndithi jize ngobulumko nokuqonda, kuba mna ndikholosa ngemiqathango yakho. Phambi kokuba undohlwaye ndandibhadula, kodwa ngoku ndiyalithobela ilizwi lakho. Hay' ukulunga kwakho, uyindlezane! Khawundifundise imithetho yakho. Izikhohlakali zindityabeka ngobuxoki, kodwa mna ndithobela imimiselo yakho ngomxhelo wam wonke. Zona zingamagumasholo angachukumisekiyo; ke mna ndithakazelela umyalelo wakho. Ewe, tshotsh' undohlwaye, Ndikhoyo, ukuze ndiyifunde imithetho yakho. Umyalelo wakho kum ubhetele kunobutyebi, nditsho nkqu nekhipha legolide nesiliva. Ndinje nje nje ndidalwe nguwe; ndifundise ndiziqonde iziyalo zakho. Abakuthobelayo bovuya bakundibona, kuba mna ndikholosa ngamadinga akho. Ndiyakuvuma ukufaneleka kwesigwebo sakho; ewe, *Ndikhoyo, undohlwaye ngakhona. Ndithuthuzele ngezibele zakho, njengoko wasithembisayo isicaka sakho. Velana nam, ukuze ndiphile, kuba iqhayiya lam ngumyalelo wakho. Zona izibhoja mazihlazeke, kuba zindirhintyela ngobuqili; ke mna ndocamngca ngemimiselo yakho. Mabeze kum bonke abakuthobelayo, abo bayiqondayo imfundiso yakho. Mandingabi nabala kwimithetho yakho, khon' ukuze ndingahlazeki.
IINDUMISO 119:65-80 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
AMAXESHA. Umenzele okulungileyo umkhonzi wakho, uYehova, ngelizwi lakho. Ndifundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo, Ngokuba ndiyigcina imithetho yakho. Ndingekatshutshiswa, ndaye ndilahleka; Kungokunje ndiligcinile ilizwi lakho. Ulungile, ulungisa; Ndifundise iimfihlelo zakho. Abakhukhumali bandixokisile, Mna ndizibamba ngentliziyo yonke imithetho yakho. Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo; Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho. Kulungile ukuba ndicudiswe; ukuze ndiwafunde amazwi akho. Ulungile kum umyalelo womlomo wakho, Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere. YOD. Izandla zakho zindenzile, zandilungisa; Ndiqondise, ndifunde iziyalezo zakho. Abakoyikayo bondibona bovuya; Ngokuba ndikholose ngelizwi lakho. Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho, nokuba unditshutshisile ngokuthembeka. Mayibe yintuthuzelo inceba yakho, njengoko ukuthethileyo kumkhonzi wakho. Mazize kum iinceba zakho, ndiphile, Ngokuba umyalelo wakho uluvuyo lwam. Mabadane abakhukhumali; ngokuba bandone bodwa, ke mna ndiya kuyigqala imithetho yakho. Mababuyele kum abakoyikayo, nabawaziyo amacebo akho. Mayiphile intliziyo yam ngeentsikelelo zakho; ukuba andinazintloni.
IINDUMISO 119:65-80 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Usenzele isicaka sako okulungileyo, YEHOVA! njengokwelizwi lako. Ndifundise ingqiqo elungileyo nokwazi: ngokuba ndibe ndikolwa yimiyalelo yako. Ndati ndingekabandezelwa, ndalahleka; kodwa kaloku ndiligcinile ilizwi lako. Ulungile wena, uyenza okulungileyo kanjalo: ndifundise imimiso yako. Abaner̔atshi baqingile ubuxoki ngakum; koko ndiya kubamba ingxelo zako ngentliziyo yonke. Intliziyo yabo ityebile njengenqata; koko mna ndiziyolisa emtetweni wako. Kundilungele ukuba ndibe ndibandezelwa; ukuze ndifunde imimiso yako. Umteto womlomo wako ulungile kum ngapezu kwamawaka egolide nesilivere. Izandla zako zindenzile zandidala: ndiqondise, ukuba ndifunde imiyalelo yako. Abo bakwoyikayo bondibona bavuye; ngokuba nditembele ezwini lako. Ndiyazi, YEHOVA! ukuba izigwebo zako zibulungisa; kanjalo kungenyaniseko ukundibandezela kwako. Mabuti ke ububele bako bube kukunditutuzela, njengalo ilizwi lako esicakeni sako. Inceba zako mazize kum, ukuba ndidle ubomi: ngokuba umteto wako uluyolo lwam. Abaner̔atshi mabadaniswe; ngokuba bendipenule kungeko ndawo: kodwa mna ndiya kucinga ingxelo zako. Mabati abakwoyikayo baguqukele kum, kwa nabo bazaziyo izinqi̔nelo zako. Intliziyo yam mayibe ifezekile emimisweni yako, ukuze ndingadani.