IINDUMISO 119:56-62
IINDUMISO 119:56-62 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndinikwe oku, Ukuba ndibambe iziyalezo zakho. Isabelo sam, Yehova, ndithi, Sesokuba ndigcine amazwi akho. Ndiya kubongoza ngentliziyo yonke, Ndíbabale ngokwentetho yakho. Ndazicingela iindlela zam, Ndazibuyisela iinyawo zam ezingqinisweni zakho. Ndikhawulezile andazila-zila Ukugcina imithetho yakho. Izintya zabangendawo zindithandele, Àndiwulibele umyalelo wakhe noko. Ndivuka phakathi kobusuku, ndibulele kuwe, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.
IINDUMISO 119:56-62 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngenene mna andinakumbi, koko ndithobela imimiselo yakho. Ndathi ke mna: Isabelo sam nguwe, *Ndikhoyo; ndiya kulithobela ilizwi lakho. Awu, velana nam, ndiyakubongoza; ndibabale ngokwesithembiso sakho. Ndiyiqondile indlela endiziphethe ngayo; ngoko ke ndibuyela kwizithethe zakho. Sendingxamile, andisayi kulibazisa; ndozithobela iziyalo zakho. Noba bangandirhintyela abakhohlakeleyo, soze ndiwulibale umyalelo wakho. Nasezinzulwini zobusuku ndiyavuka; ewe, ndivuka ndikudumise ngenxa yokusulungeka kwesigwebo sakho.
IINDUMISO 119:56-62 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndifumene yona, ngokuba ndiyigcinile imithetho yakho. CHET. Isabelo sam, Yehova, ndithi, Ndigcine amazwi akho. Ndithandazele inceba yakho ngentliziyo yam yonke; ndibabale ngokwelizwi lakho. Ndizikhumbule iindlela zam, Ndazibuyisela iinyawo zam ezicengeni zakho. Ndikhawulezile, andayekelela ukuyigcina imiyalelo yakho. Izintya zabangendawo zindibambile, Noko andiwulibali umyalelo wakho. Ndiya kuvuka phakathi kobusuku ukuze ndikudumise ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.
IINDUMISO 119:56-62 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndandinako oku, ngokuba ndibe ndibamba ingxelo zako. Usisabelwa sam, YEHOVA! ndite ndiya kugcina amazwi ako. Ndakungela ubuso bako ngentliziyo yonke: yiba nofefe kum njengokwelizwi lako. Ndakumbulela indlela zam, ndaguqula inyawo zam ngasezinqi̔nelweni zako. Ndakanleza, ndingazilazilanga, ukugcina imiyalelo yako. Imigibe yabakohlakeleyo indingqongile: andilibalanga umteto wako noko. Pakati kwobusuku ndiya kupapama ndibulele kuwe, ngenxa yezigwebo zako ezilungileyo.