IINDUMISO 119:161-176
IINDUMISO 119:161-176 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Abathetheli bandisukela ngelizé, Intliziyo yam iyankwantyiswa ngamazwi akho. Ndinemihlali ngentetho yakho, Njengofumene ixhoba elininzi. Ndikuthiyile ukuxoka, lisikizi kum; Ndiyawuthanda umyalelo wakho. Ndikudumisa kasixhenxe ngemini, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho. Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho; Akukho sikhubekiso kubo. Ndikhangela usindiso lwakho, Yehova; Ndenza imithetho yakho. Umphefumlo wam uyazigcina izingqiniso zakho, Ndizithanda kunene. Ndiyazigcina iziyalezo zakho nezingqiniso zakho, Ngokuba zonke iindlela zam ziphambi kwakho. Makusondele phambi kwakho ukuhlahlamba kwam; Yehova, ndíqondise ngokwelizwi lakho. Masifike isikhungo sam phambi kwakho; Ndíhlangule ngokwentetho yakho. Umlomo wam mawumpompoze indumiso, Kuba ùndifundisile imimiselo yakho. Ulwimi lwam luya kuyiphendula intetho yakho, Ngokuba yonke imithetho yakho inobulungisa. Isandla sakho masibe sesokundinceda, Ngokuba ndizinyuléle iziyalezo zakho. Ndilangazelela usindiso lwakho, Yehova; Umyalelo wakho uyandiyolisa. Mawuphile umphefumlo wam, ukudumise, Andincede amasiko akho. Ndiya ndimka njengemvu elahlekileyo; mfune umkhonzi wakho, Ngokuba andiyilibali imithetho yakho.

IINDUMISO 119:161-176 IBHAYIBHILE (XHO96)
Iziphathamandla ziyanditshutshisa ngaphandle kwesizathu; ke mna ndiyalihlonipha ilizwi lakho. Izithembiso zakho ziyandonwabisa; nditsho ndifane nomntu oxhaphaza isisulu. Ndibuthiyil' ubutshijolo, bunezothe kum; kanti ke umyalelo wakho ndiyawuthanda. Lide liye kutshona ndikubulela ngenxa yokulunga kwezigqibo zakho. Abathobela umyalelo wakho bahlala banelisekile; kaloku akukho nto ingabaphazamisayo. Ndikhoyo, ndijonge kuwe, ndisindise; kaloku ndizithobele iziyalo zakho. Imfundiso yakho ndiyilandela ngomoya wam wonke; kaloku andizenzi, ndiyayithanda. Ndiyayithobela imimiselo nezithethe zakho, kambe ke wena wazi konke ngam. Ndiyatarhuzisa; ndive, *Nkosi; ndivul' ingqondo ngokwesithembiso sakho. Ndiyakubongoza, ndiphulaphule; ndihlangule njengoko wathembisayo. Ndiya kusoloko ndikuncoma, ndikubonga, kuba uyandifundisa imithetho yakho. Ingoma yam ngamadinga akho; kaloku iziyalo zakho zilungile. Hlala ulungele ukundinceda; kaloku ndizikhethele imimiselo yakho. Wowu! Ndiyakulangazelela ukusindiswa! *Ndikhoyo, andiziva ngemithetho yakho! Ndiphe ubomi, ukuze ndikudumise; isigqibo sakho masindixhase. Ndibhadula njengegusha elahlekileyo. Awu, phuthuma usifune isicaka sakho, kuba andiyilibali imiqathango yakho!
IINDUMISO 119:161-176 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
SCHIN. Izikhulu zindisukela ngelize; Intliziyo yam iyaloyika ilizwi lakho. Ndinemihlali ngentetho yakho, Njengombangiwe yobuninzi. Ndikuthiyile, lisikizi kubuxoki; Ndiyawuthanda umyalelo wakho. Ndikudumisa kasixhenxe ngemini, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho. Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho; Akukho sikhubekiso kubo. Yehova, ndikholose ngosindiso lwakho, yaye ndiyayenza imiyalelo yakho. Umphefumlo wam uyawagcina amacebo akho; kwaye ndibathanda kakhulu. Ndiyayigcina imiyalelo yakho namacebo akho, Ngokuba zonke iindlela zam ziphambi kwakho. TAU. Ngamana ukukhalela kwam uncedo kungafika phambi kobuso bakho, Yehova; ndiqondise ngokwelizwi lakho. Mawufike phambi kobuso bakho umthandazo wam; Ndisindise ngelizwi lakho. Umlomo wam uya kuncoma xa undifundisayo ukunxano kwakho. Ulwimi lwam luya kuyithetha intetho yakho, Ngokuba yonke imithetho yakho inobulungisa. Isandla sakho masindincede; kuba ndizinyulele iziyalezo zakho. Ndiyalukhumbula usindiso lwakho, Yehova; nomyalelo wakho uluvuyo lwam. Ngamana umphefumlo wam ungaphila, ukudumise; andincede amasiko akho. Ndiya ndimka njengemvu elahlekileyo; mfune umkhonzi wakho; Ngokuba andiyilibali imithetho yakho.
IINDUMISO 119:161-176 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Inkosi zanditshutshisa kungeko nto: kodwa intliziyo yam iloyikile ilizwi lako. Ndiyavuyela ilizwi lako, njengofumene amaxoba amakulu. Ubuxoki ndibutiyile, ndabuzonda; kodwa umteto wako ndiwutandile. Kasixe̔nxe ngamini nye ndiyakudumisa ngenxa yezigwebo zako ezilungileyo. Banoxolo olukulu abo batanda umteto wako: akuko siku̔bekiso kubo. Nditembele usindiso lwako, YEHOVA! nemiyalelo yako ndiyenzile. Umpefumlo wam uzigcinile izinqi̔nelo zako; ndiyazitanda kakulu kanjalo. Ndizigcinile ingxelo zako nezinqi̔nelo zako: ngokuba zonke indlela zam zipambi kwako. Isikalo sam masisondele pambi kwako, YEHOVA! ndiqondise njengokwelizwi lako. Isikungo sam masize pambi kwako: ndihlangule njengokwelizwi lako. Umlomo wam uya kupimisela indumiso, nxa undifundisile imimiso yako. Ulwimi lwam luya kuhlabela ngelizwi lako: ngokuba yonke imiyalelo yako ibulungisa. Isandla sako masindincede: ngokuba ndiziqashile ingxelo zako. Ndikanukile usindiso lwako, YEHOVA! kanjalo umteto wako uluyolo lwam. Umpefumlo wam maupile, uze ukudumise; ziti izigwebo zako zindincede. Ndadungudela njengegusha elahlekileyo; funa isicaka sako; ngokuba ndingalibali imiyalelo yako.