IINDUMISO 119:1-16
IINDUMISO 119:1-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Hay' inyhweba yabantu abamsulwa; nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo *kaNdikhoyo. Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo, abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke, abantu abangabenziyo ububi, koko abahamba endleleni kaNdikhoyo. Kaloku wena, Ndikhoyo, wasinika imimiselo yakho, ukuze siyithobele ngenyameko. Akwaba bendingachul' ukunyathela, ndiyinonophele imithetho yakho. Ukuba ndizibambile iziyalo zakho, andisoze ndibhaqwe lihlazo. Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe, ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso. Mna ndiya kuyithobela imithetho yakho; awu, nceda ungandilahli kuphele. Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu? Ngokuthobela ilizwi lakho. Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo; ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho. Ndihamba ngokomlomo wakho, khon' ukuze ndingoni. Awu! Bayethe, *Mhlekazi! Khawundifundise imithetho yakho. Mna ndiya kuzibhengeza zonke izigqibo zakho. Kum ziluyolo izithethe zakho; zingaphezu kwabo bonke ubutyebi. Ndiya kucamngca ngemimiselo yakho, ndizinyamekele iindlela zakho. Ndiyayithakazelela imithetho yakho; soze ndilityeshele ilizwi lakho.
IINDUMISO 119:1-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
ALIF. Hayi, uyolo lomntu ongadyobhekiyo endleleni, Ohamba ngomyalelo kaYehova! Hayi, uyolo lwabaligcinayo amacebo akhe, Abamquqelayo ngentliziyo yabo yonke! Abenzi ububi, nabo; bahamba ngeendlela zakhe. Usiyale ukuba siyigcine imithetho yakho. Akwaba iindlela zam bezithe tye ukuqinisa unxano lwakho! Kungokunje andiyi kudana xa ndiyigcina yonke imithetho yakho. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye, Ekwazini kwam ubulungisa bakho. Ndiya kuyigcina imithetho yakho; musa ukundishiya ngokupheleleyo BETH. Lo mfana uya kuyicoca ngantoni indlela yakhe? Ngokuyinikela ingqalelo kuyo ngokwelizwi lakho. Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; musa ukundilahla emithethweni yakho. Ndiligcine ilizwi lakho entliziyweni yam, ukuze ndingoni kuwe. Mawubongwe wena, Yehova, ndifundise ubulumko bakho. Ndiyawavakalisa ngomlomo wam onke amasiko omlomo wakho. Ndikholiswa yindlela yengcebiso yakho, njengobuninzi bayo. Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho, Ndibheke kumendo wakho. Ndiya kuvuya ngentsikelelo yakho; Andisokuze ndililibale ilizwi lakho.
IINDUMISO 119:1-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo, Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova! Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe, Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo! Àbasebenzi nokusebenza bugqwetha, Bayahamba ngeendlela zakhe. Ùzimisile iziyalezo zakho, Ukuba zigcinwe kunene. Azaba iindlela zam bezibhekiselwe Ukugcina imimiselo yakho! Bendingayi kudana ke Ekubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye, Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho. Ndiya kuyigcina imimiselo yakho, Musa ukundishiya kuphele. Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe? Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho. Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho. Ndiyibeké intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe. Ungowokubongwa, Yehova; Ndífundise imimiselo yakho. Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wam Onke amasiko omlomo wakho. Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho, Ngathi kusebuncwaneni bonke. Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho, Ndibheke kumendo wakho. Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho; Andiyi kulilibala ilizwi lakho.
IINDUMISO 119:1-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
HAI itamsanqa labandlela ilungile, abahambayo emtetweni KAYEHOVA! Hai itamsanqa lababamba izinqi̔nelo zake, abamfuna ngentliziyo yonke; abati kanjalo bangenzi inkohlakalo, babambe ezindleleni zake! Wena usiyalele ukuba kugcinwe ingxelo zako kakulu. Azaba indlela zam zaqiniselwa ukugcina imimiso yako! Oko andiyi kudaniswa, nxa ndiyigqalayo yonke imiyalelo yako. Ndokudumisa ngolungelelwano lwentliziyo, nxa ndizifundileyo izigwebo zako ezilungileyo. Imimiso yako ndoyigcina: zungandishiyi kanye. Indodana iya kucokisa nganto nina indlela yayo? Ngokuyigcina njengokwelizwi lako. Ndikufunile ngentliziyo yam yonke; zungavumeli ukuba ndilahlekane nemiyalelo yako. Ilizwi lako ndilibekele entliziyweni yam, ukuze ndingoni ngakuwe. Udumisekile, YEHOVA! ndifundise imimiso yako. Ngowam umlomo ndishumayele zonke izigwebo zomlomo wako. Ndivuyile endleleni yezinqi̔nelo zako, njengapezu kwendyebo zonke. Ndiya kucinga ingxelo zako, ndigqale indlela zako. Ndiya kuziyolisa emimisweni yako: andiyi kulibala ilizwi lako.