IINDUMISO 105:1-10
IINDUMISO 105:1-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe; Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo. Vumani kuye, mbetheleni uhadi; Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo. Qhayisani ngegama lakhe elingcwele; Mayivuye intliziyo yabamquqelayo uYehova. Ngxamelani uYehova namandla akhe; Funani ubuso bakhe ngamaxesha onke. Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo, Izimanga zakhe, nezigwebo zomlomo wakhe, Mbewu ka-Abraham, yomkhonzi wakhe, Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe. NguYehova uThixo wethu yena; Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe. Úwukhumbula ngonaphakade umnqophiso wakhe, Ilizwi awalimisela iwaka lezizukulwana; Awanqophisana ngalo noAbraham, Awalifungela uIsake; Awalimisayo ukuba libe ngummiselo kuYakobi, Libe ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli
IINDUMISO 105:1-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Bulelani *uNdikhoyo, ninqule igama lakhe, nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona. Mombeleleni, mbongeni, zixeleni izintw' ezimangalisayo asenzele zona! Qhayisani ngegama lakhe; mabachwayite abo bamnqulayo uNdikhoyo! Lufuneni kuNdikhoyo uncedo; mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha. Ze nizikhumbule izinto asenzele zona: imimangaliso ayenzileyo, nemithetho ayiwisileyo. Nina niyinzala yesicaka sakhe uAbraham, nilusapho lukaYakobi umnyulwa wakhe. UThixo wethu nguNdikhoyo; yeyehlabathi lonke imithetho yakhe. Akasokuwulibala naphakade umnqophiso wakhe, awawenzela izizukulwana ngezizukulwana. Ndixel' umnqophiso awawenza noAbraham, kwanesifungo asenze kuIsake. Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi, wamnik' umnqophis' ongasoz' uphel' uSirayeli
IINDUMISO 105:1-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Mdumiseni uYehova; nqulani igama lakhe, nizazise ezintlangeni izenzo zakhe. Vumani uzuko lwakhe, mbetheleni uhadi; xelani yonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo. Qhayisani ngegama lakhe elingcwele; mayivuye intliziyo yabamngxameleyo uYehova. Mfuneni uYehova namandla akhe; nisoloko nifuna ubuso bakhe. Qwalaselani imimangaliso awayenzayo; izimanga zakhe nezigwebo zomlomo wakhe; Nina nyana baka-Abraham, umkhonzi wakhe, Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe! NguYehova uThixo wethu yena; Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe. Wawukhumbula ngonaphakade umnqophiso wakhe, Ilizwi awalimisela iwaka lezizukulwana. Wanqophisana noAbraham, Nokufunga kwakhe kuIsake; Walimisa kuYakobi ukuba libe ngummiselo, KuSirayeli ukuba libe ngumnqophiso ongunaphakade.
IINDUMISO 105:1-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
BULELANI KUYEHOVA, shumayelani igama lake, yazisani izenzo zake pakati kwezizwe. Vumani kuye, culani amaculo kuye, tetani ngayo yonke imimangaliso yake. Qa̔yisani ngegama lake eliyingcwele; maivuye intliziyo yabamfunayo UYEHOVA. Buzelani UYEHOVA, namandla ake; funani ubuso bake futi. Kumbulani imimangaliso yake ayenzileyo; imiqondiso yake, nezigwebo zomlomo wake; nina nzalo ka‐Abrahame isicaka sake, bonyana baka‐Yakobi, abaqashwa bake! NGUYEHOVA, UTIXO wetu, yena: imigwebo yake ikuwo wonke umhlaba. Uyakumbula ucebano lwake kude kube ngunapakade; ilizwi wabelixela, kude kube liwaka lezizukulwana; ucebano owalwenzayo no‐Abrahame, nesifungo sake ku‐Yisake; walumisela ku‐Yakobi lube ngumteto, ku‐Sirayeli lube lucebano olungunapakade