IMIZEKELISO 6:9-19
IMIZEKELISO 6:9-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kunini na ulele, vilandini? Ùya kuvuka nini na ebuthongweni bakho? Xa uthe, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale: Boza ubuhlwempu bakho njengomhambi, Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe. Ngumntu olitshijolo, ngumntu okhohlakeleyo, Lowo uhamba ngokujibiliza komlomo wakhe; Útyanda ngoshiyi, uqhubukusha ngeenyawo, Walatha ngophakathi wakhe. Yimpenduka entliziyweni yakhe, uyila ububi ixesha lonke, Úngenisa ingxabano. Ngenxa yoko kuya kufika ngesiquphe ukusindeka kwakhe; Úya kwaphuka ngephanyazo, angabi nakunyangwa. Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova, Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe: Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo; Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa; Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga; Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini; Lingqina elixokayo, elifutha amanga; Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana.
IMIZEKELISO 6:9-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kodwa kodwa, vilandini, koda kube nini uthe tywa kuloo mandlalo? Uya kuvuka nini kobo buthongo bakho? Ulibele kukuthi: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane, khe ndisonge izandla, ndiphumle.” Kambe ke bona ubuhlwempu nâbo bukuchwechwela njengomkhuthuzi. Ewe, nantso ihambo-nzima isiza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo! Ke yena umntu ohamba ejikeleza ethetha ezolwimi ngungantweni wetshijolo. Ewe, onjalo ungafika emana encwina amehlo, egobhana nabanye, ekhomba ngaloo minwe yakhe. Ngalo lonke ke elo xesha uqulunqa amayelenqe entliziyweni yakhe; ewe, uyila ububi, aphembelele uqhushululu. Kuthi kunjalo ke afunyanwe yinkxwaleko ngebhaqo, atsho enzakale ngephanyazo, angabi nakunyangeka. Zintandathu izinto azithiyileyo *uNdikhoyo; gxebe, zisisixhenxe izinto ezilizothe kuye: amehlo endelelo, ulwimi oluxokayo, izandla eziphalaza igazi elimsulwa, intliziyo eceba amayelenqe, iinyawo ezikhawuleza ukuquqela ebubini, ingqina elixokayo liyigqwethe inyaniso, nomntu ophembelela ingxabano phakathi kwabazalanayo.
IMIZEKELISO 6:9-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kunini na ulala, vilandini? Uya kuvuka nini na ebuthongweni bakho? Ukulala kancinane, ukozela kancinane, ukusonga iingalo zikabani kancinane, ukulala. Bokuza ubuhlwempu bakho njengomhambi, Nentswelo yakho njengendoda exhobileyo. Ongendawo, ongendawo uhamba ngomlomo wobubi; Utyanda ngoshiyi, uthetha ngeenyawo, Walatha ngeminwe yakhe; Inkohliso isentliziyweni yakhe, uyila ububi ngamaxesha onke; uhlwayela iiyantlukwano. Ngako oko, intlekele yakhe iya kumfikela kube kanye; uya kwaphuka ngephanyazo, angaphili. Ezi ezintandathu uzithiyileyo uYehova, zasixhenxe zingamasikizi kuye. Ngamehlo aqwayingayo, lulwimi lobuxoki; Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa; Intliziyo eyila ububi, ziinyawo ezikhawulezayo ukubalekela ebubini; Lingqina elixokayo, elifutha amanga, Nongenisa ukungavisisani phakathi kwabazalwana.
IMIZEKELISO 6:9-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Uya kulala kude kube ninina, livilandini! uya kuvuka ninina ebutongweni bako? Ibe yintwana yobutongo, ibe yintwana yokunqenqa, ibe yintwana yokuxabanisa izandla kuze kulalwe; bandul’ ukuza ubuhlwempu bako njengomhambi, nokuswela kwako njengoxo̔bileyo. Umntu wobunginingini, umntu wokungendawo, uyahamba ngobugwenxa bomlomo: uyapanyaza ngamehlo ake, uyaṙweca ngenyawo zake, uyabonisa ngeminwe yake; ubumenemene busentliziyweni yake, uyaceba ububi ngamaxesha onke, uyavusa amapike. Ngako oko ilishwa lake liya kuza ngokuzuma; uya kucitwa ngebaqo, kungabiko lusizo. Ezizinto zontandatu UYEHOVA uyazitiya; ewe, zixe̔nxe eziyintshontsho kumpefumlo wake: Amehlo okuqanqalaza; ulwimi lwobuxoki; nezandla ezipalazayo igazi elingenatyala; intliziyo ecebayo amaqinga akohlakeleyo; inyawo ezinxamela ukubalekela ububi; inqi̔na lobuxoki elipimisela ilwimi; novusayo amapike pakati kwabazalwana.