IMIZEKELISO 6:1-8
IMIZEKELISO 6:1-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nyana wam, xa uthe wammela ummelwane wakho, Naxa uthe wabambana nomnye ngesandla owasemzini, Ubanjwe ngentetho yomlomo wakho, Ubanjwe ngamazwi omlomo wakho. Yenza ngoko, nyana wam, uzisindise, ukuba uthe wawa esandleni sommelwane wakho; hamba, zithobe kwaye uqinisekise umhlobo wakho. Musa ukuwayeka alale amehlo akho, namashiya akho makangalali; Zisindise njengexhama esandleni somzingeli, nanjengentaka esandleni somthiyeli. Yiya embovaneni, vilandini; Khangela iindlela zakhe, ulumke: engenamkhokheli, namgcini, namlawuli; Siphe ukudla ehlotyeni; Yilungise ngexa lokuvuna
IMIZEKELISO 6:1-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nyana wam, ukuba uthe wammela ummelwane wakho, Wabambana nomnye ngesandla: Urhintyélwe ngentetho yomlomo wakho, Uthiwé hlasi ngentetho yomlomo wakho. Yenza le nto ngoku, nyana wam, uzihlangule; Kuba uzifaké esandleni sommelwane wakho; Yiya, ziwise phantsi, umzame ummelwane wakho. Musa ukuwanika ubuthongo amehlo akho, Ungaziniki kozela iinkophe zakho; Zihlangule esandleni njengebhadi, Njengentaka esandleni somthiyeli. Yiya embovaneni, vilandini; Khangela iindlela zayo, ulumke: Yona ithi, ingenamphathi, Namongameli, namlawuli, Isuke isilungise isonka sayo ehlotyeni, Ikubuthe ukudla kwayo ngexa lokuvuna.
IMIZEKELISO 6:1-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Mfo wam, ukuba uthe wamela omnye umntu, wabambana nomnye ngesandla, waza ke ngaloo ndlela warhintyeleka ngamazwi omlomo wakho, wavaleleka emgibeni ngenxa yesithembiso sakho, nantsi ke into omawuyenze, nyana wam, ukuze ukhululeke ezandleni zommelwane wakho: hamba uzithobe kuye, umbongoze akukhulule. Ewe, ungakhe ulale ungayenzanga loo nto, ungaphumli nokuphumla oku. Xelisa inxala elizihlangulayo esandleni somzingeli, okanye intaka ephuncuka esandleni somthiyeli. Yiya embovaneni, vilandini; qwalasela indlela eziphethe ngayo, nawe ulumke. Kaloku yona ayinankosi, ingenamlawuli nankokheli, kodwa nakuba injalo iyaxakeka ehlotyeni iqokelela umphako, izilungiselela ukutya ngexesha lokuvuna.
IMIZEKELISO 6:1-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nyana wam, xa uthe wammela ummelwane wakho, Naxa uthe wabambana nomnye ngesandla owasemzini, Ubanjwe ngentetho yomlomo wakho, Ubanjwe ngamazwi omlomo wakho. Yenza ngoko, nyana wam, uzisindise, ukuba uthe wawa esandleni sommelwane wakho; hamba, zithobe kwaye uqinisekise umhlobo wakho. Musa ukuwayeka alale amehlo akho, namashiya akho makangalali; Zisindise njengexhama esandleni somzingeli, nanjengentaka esandleni somthiyeli. Yiya embovaneni, vilandini; Khangela iindlela zakhe, ulumke: engenamkhokheli, namgcini, namlawuli; Siphe ukudla ehlotyeni; Yilungise ngexa lokuvuna
IMIZEKELISO 6:1-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NYANA wam! ukuba ubambele ummelwane wako, wabambana nowasemzini isandla sako; ukuba utiyelwe ngeziteto zomlomo wako, wabijelwa ngeziteto zomlomo wako; yiti ke, nyana wam! uze uzikulule, wakuba uzile esandleni sommelwane wako: uye, uziqubude, umqu̔be ummelwane wako. Unganiki ubutongo emehlweni ako, nokunqenqa ezinkopeni zako; zikulule njengebadi esandleni somzingeli, nanjengentaka esandleni somtiyeli. Yiya embovaneni, livilandini! nakana imikwa yayo, ulumke; eti ke, ingenamkokeli nje, nampati, nankosi, ilungiselele ukudla kwayo ehlotyeni, ibute ukutya kwayo ekwindla.