IMIZEKELISO 4:20-27
IMIZEKELISO 4:20-27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nyana wam, wabekele indlebe amazwi am; yiva amazwi endlebe yam. Musa ukuwashiya amehlo akho; zigcine entliziyweni yakho. Kuba bubomi kwababufumanayo, usindiso enyameni yabo yonke. Yinike intliziyo yakho ngako konke ukunyameka; kuba ubutyebi bobomi buphuma kuyo. Shenxisa emlonyeni wobuxoki kuwe, mayibe kude kuwe emlonyeni womlomo. Amehlo akho makakhangele kakuhle, neentshiyi zakho mazikhangeleke kakuhle. Qikelela umkhondo wonyawo lwakho, Uwumise wonke umendo wakho. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo; Susa unyawo lwakho ebubini.
IMIZEKELISO 4:20-27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am; Intetho yam yithobele indlebe yakho. Mayingemki emehlweni akho; Yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi. Kuba ibubomi kwabayifumanayo, Nempiliso enyameni yabo yonke. Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho; Kuba aphuma kuyo amathende obomi. Kususe kuwe ukujibiliza komlomo, Nokuthi gu bucala komlomo kudedise kuwe. Amehlo akho makakhangele athi gca, Neenkophe zakho zithi nzo kokuphambi kwakho. Lungelelanisa umkhondo wonyawo lwakho, Zonke iindlela zakho zizimaseke. Musa ukuthi gu bucala ngasekunene nangasekhohlo; Susa unyawo lwakho entweni embi.
IMIZEKELISO 4:20-27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am, uyibazele iindlebe into endikuxelela yona. Amazwi am makangacimi emehlweni akho, koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho. Ewe, abubomi kwabo bawafumeneyo; ayimpilo kumzimba xa uwonke. Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho, kuba yona ingumthombo wobomi. Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho, nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho. Makathi ntshoo phambili amehlo akho, neenkophe zamehlo akho zithi ngqo. Qiqa phambi kokuba ubeke unyawo lwakho endleleni, ukuze ihambo yakho iqiniseke. Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo; unyawo lwakho malubucezele ububi.
IMIZEKELISO 4:20-27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nyana wam! pulapula amazwi am; tobela indlebe yako kuzo iziteto zam. Mazingalahlekani namehlo ako; zigcine pakati entliziyweni yako. Ngokuba zibubomi kwabazifumanayo, nopiliso kuyo yonke inyama yabo. Linda intliziyo yako pezu kwako konke okugcinwayo; ngokuba kuvela kuyo izipumelo zobomi. Shenxisa kuwe ubugwenxa bomlomo, nenkani yomlomo yikwelelise kude kuwe. Amehlo ako makati ngqo ukukangela, nenkope zako mazonde ukubeka pambi kwako. Gqala ukuhamba kwonyawo lwako, ziti zonke indlela zako ziqiniswe. Ungapambukeli nangasekunene nangasekohlo; shenxisa unyawo lwako ekukohlakaleni.