IMIZEKELISO 1:1-4
IMIZEKELISO 1:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wamaSirayeli, Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho; Yokuba kuqondwe iintetho zengqondo; Yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo, Ubulungisa, nesiko, nokuthe tye; Yokuba izidenge zinikwe ubuqili, Ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela
IMIZEKELISO 1:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ezi zizafobe zikaSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli. Ezi zafobe ziluncedo: umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko, abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na. Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha, abe ngumntu owenza okulungileyo, nothe ngqo engenagobe. Ongekabi namava zimenza abe krele-krele, nomfana atsho akwazi ukwenza izigqibo ngobulumko.
IMIZEKELISO 1:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Amazwi kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli; Ubazi ubulumko noqeqesho; ukunakana kwamagama engqiqo; yokwamkela imfundiso yobulumko, nesiko, nesiko, nobulungisa; Ukunika abo bafuna amaqhinga, ulwazi kunye neengcebiso kwabaselula.
IMIZEKELISO 1:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
IMIZEKELISO ka‐Solomone, unyana ka‐Davide, ukumkani wo‐Sirayeli; yokuba kwaziwe ubulumko nemfundiso; yokuba kuqondwe iziteto zengqondo; yokuba kwamkelwe imfundiso yobutelekelelo; ubulungisa, nobugwebo, nolungelelwano; yokunika izidenge ubuciko, nomfana ukwazi nentelekeleliso.