INUMERI 16:1-2
INUMERI 16:1-2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku uKora, unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, noDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi, no-On unyana kaPelete, oonyana bakaRubhen, bathabatha amadoda angamakhulu amabini, anamanci mahlanu, akoonyana bakaSirayeli, izikhulu zebandla ezanyulwa yintlanganiso, amadoda anodumo; bavukelana noMoses.
INUMERI 16:1-2 IBHAYIBHILE (XHO96)
UKora unyana kaIzare, umKohati wendlu kaLevi, wagaya amadoda athile, baza bamvukela uMosis. Wayekunye namaRubhen, uDatan noAbhiram, oonyana bakaEliyabhi, no-On unyana kaPelete. Babexhaswa naziinkokheli ezaziwayo zamaSirayeli ezazalathwe ngumzi ukuba zibe liqoqo, zingamakhulu amabini anamashumi amahlanu.
INUMERI 16:1-2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uKore, unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, noDatan, noAbhiram, oonyana bakaEliyabhi, no-On unyana kaPelete, oonyana bakaRubhen. Bema phambi koMoses, ndawonye nabanye boonyana bakaSirayeli, iinkosana zebandla ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ezaziwayo ebandleni, nezazidumileyo
INUMERI 16:1-2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU u‐Kora, unyana ka‐Yitsare, unyana ka‐Kohati, unyana ka‐Levi, watabata kwa u‐Datane no‐Abirame, onyana baka‐Eliyabe, no‐One, unyana ka‐Pelete, onyana baka‐Rubene; abasukayo pambi kwo‐Mosesi, benamadoda amakulu mabini anamashumi mahlanu elusatsheni luka‐Sirayeli, inkosi zentlanganiso, abadumileyo entlanganisweni, amadoda egama.