INUMERI 13:32
INUMERI 13:32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ahambisa udaba olubi ngelo zwe abelihlolile koonyana bakaSirayeli, esithi, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elibadlayo abemi balo; abantu bonke esababonayo kulo babengabafo abade.
INUMERI 13:32 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke lo moya wabo bawuhlwayela apho kumaSirayeli ngemeko yelo lizwe babevela kulo. Bade bathi: “Elo lizwe linengozi; kuyatshatyalalwa apho. Abantu bakhona baziingxilimbela
INUMERI 13:32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Baza babazisa oonyana bakaSirayeli ilizwi elibi ngelizwe ababelihlola, besithi, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elidla abemi balo; yaye bonke abantu esababonayo kuyo bangabantu abade.
INUMERI 13:32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwa njalo avela nentlebo ngelozwe abepandile lona ukuza elusatsheni luka‐Sirayeli, esiti: Elozwe, esibe sicanda kulo silipande, lilizwe elidlayo abemi balo; kanjalo bonke abantu esasibabona pakati kwalo bangamadoda obude obukulu.