UMARKO 8:31-38
UMARKO 8:31-38 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke. Elo zwi wayelithetha ngokungafihlisiyo. UPetros wamthabathela kuye, waqala ukumkhalimela. Uthe ke yena, ejikile, wabakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana;• ngokuba ungàzinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekele ezabantu. Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele ke. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa. Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.

UMARKO 8:31-38 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waqala ke uYesu ukubafundisa abafundi bakhe, esithi: “*UNyana woLuntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu; achaswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho; aze abulawe, athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke.” Wakuthetha oku kubo ngokucacileyo. UPetros ke, emse ngasese uYesu, wamkhalimela. Uthe ke uYesu, ejikile wajonga kubafundi bakhe, wakhalimela uPetros, esithi: “Suka umke kum, Sathana. Akuzinyamekeli izinto zikaThixo; unyamekela ezabantu.” UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele. Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa. Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu wobeka ntoni elingana nexabiso lobomi bakhe? Othe ke waneentloni ndim nangamazwi am kwesi sizukulwana sonayo, sikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, naye uNyana woLuntu woba neentloni nguye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.”
UMARKO 8:31-38 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke. Elo zwi wayelithetha ngokungafihlisiyo. Waza uPetros wamthabatha, waqala ukumkhalimela. Uthe ke yena, ejikile, wabakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana, ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu. Esibizele kuye indimbane, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa lowo. Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? Othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.
UMARKO 8:31-38 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula waqala ukubafundisa okokuba unyana wesintu ufanele ukuva intlungu ezininzi, nokulahlwa ngabo abadala nabaperisite abakulu nababa̔li, nokubulawa, nokuti emveni kwemihla mitatu abuye avuke. Kekaloku ebeteta esositeto ekuhleni. Waza u‐Petrosi wamtabatela kuye waqala ukumtetisa. Koko ejikile ke, wakangela abadisipile bake, wamtetisa u‐Petrosi, esiti: Yiya emva kwam, Satane! ngokuba unganyamekeli izinto ZIKATIXO, unyamekela izinto zabantu nje. Waza wabiza isihlwele kwa nabadisipile bake, wati kubo: Osukuba efuna ukuza emva kwam, makazikanyeze, apate ikuruse yake, andilandele. Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake ngenxa yam nangenxa yevangeli, oyena wobulondoloza. Ngokuba kuya kunceda nto nina umntu, ukuba walizuza ilizwe lonke, waza walahlekelwa ngumpefumlo wake? kanjalo uya kunika nto nina umntu ibe lixabiso elilingana nawo umpefumlo wake? Ngokuba lowo usukuba enentloni ngam nangamazwi am kwesisizukulwana esibuṙexeza nesonayo, woti nonyana wesintu abe nentloni ngaye, akuza ebungcwaliseni BOYISE kunye nengelosi ezingcwele.